Ziyaqengqeleka iintsuku lidukile ixhegwazana

Le yiveki yesibini lingekabonakali ixhegwazana elanyamalala kwiveki ephelileyo lisemzini walo eLambas eLusikisiki. Eli xhegwazana linama96 eminyaka ubudala.

Ingxelo ephuma emapoliseni ithi eli xhegwazana lagqityelwa ukubonwa ngomhla wesibhozo kule imiyo kungoMgqibelo emva kwentsimbi yesihlanu malanga emzini walo. Lagqityelwa ukubonwa ngumakhelwane walo nathi ukuligqibela kwalo lalingaziva mnandi ixhegwazana eli.

Kuvakala ukuba kwangolu suku lagqityelwa ukubonwa ngalo lacela kumakhelwane walo ekubeni ayokumkhelela amanzi liza kuhlamba umzimba.

NgeCawa, umakhelwane uphinde wayokukroba ixhegwazana njengoko lihlala nomzukulwana walo ongumfana kuphela, umakhelwane wafika kukhala umoya lingekho ixhegwazana.

Iimpahla zalo kwakunye neengubo zabe zithe sa phantsi zingahlelanga ngendlela.

Umzukulwana wexhegwazana xa ebuzwa ukuba uphi umakhulu, wathi naye akamazi esothuswa nayeyokuba umakhulu wakhe udukile.

USajini Kaya Majola-Mvanyashe uthi abahlali baye baqalisa nephulo lokukhangela eli xhegwazana kodwa babuya nelize.

UMajola-Mvanyashe uthi ityala lokuduka kukamakhulu laye lavulwa ngumzukulwana wakhe ngomhla weshumi kwisikhululo samapolisa eLusikisiki. Ityala lanikezelwa kubecuphi.