Ziyaqhekezwa izikhululo zombane ezilokishini eBhayi!

Esinye sezikhululo zombane eziqhekezwa ngoonqevu eBhayi umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Kuphantse kwaphuma isidumbu sesibini kwilokishi yaseBethelsdorp ngenxa yooncanyelweni abaputyaputyana neentambo zombane ngobusuku.

Oku kubhaqeke ngethuba abasebenzi becandelo lombane kuMasipala waseNelson Mandela begaleleka kwisikhululo sombane esibizwa ngokuba yiDitchling Substation esakhelwe kwisitalato esibizwa ngokuba yiDitchling kule lokishi.

Ngokwengxelo echazwe nguKupido Baron osisithethi salo masipala, uthe aba basebenzi bebeye kwesi sikhululo ngobusuku bangoMvulo ngeliya kusabela kwizikhalazo zabahlali bale ndawo ebezibika ukuba umbane wabo awusebenzi ngobo busuku.

Uthe ekungeneni kwabo kweso sitishi bagagene nendoda ebiqhuqhumba ngaphakathi itshelwe zizicheku emva kokudlalwa nguloo mbane ibizokudlalela kuwo.

Uhambise wathi umlinganiselo wombane obaleka kwesi sikhululo yi60 000 yeevolti.

Utyhole le ndoda ngelithi ibingene apho ngeenjongo zokuzityhuthulela kwiintsimbi neentambo zekopolo ezingaphakathi kweso sitishi.

“Ibingumbono ombi ukubukela le ndoda idlalwe ngumbane yatshelwa yimpahla yayo yonke ngaphandle kwale inengwatyu, omnye umlenze wona kwakungekho nto yayinguwo kuba wawungasekho utyiwe okwawo ngumbane, zange ndayibona into enje,” utshilo uElton Ambraal omnye waba basebenzi.

UAmbraal uhambise wathi le ndoda iphume apho ikhotheke kanobom lunxano, baza ngovelwano lwabo bayipha amanzi okusela emva kokwenza amatiletile okuyikhupha kulo ndawo, emva koko kubonakale sekugaleleka inqwelo yezigulana irhorhozelwa yeyamapolisa.

Esi sisiganeko sesibini sobusela esikhokelele ekubethweni kwendoda kwesi sitishi, kwiveki ezimbalwa ezidluleyo kubhubhe indoda emva kokunyolanyolana neentambo zombane ngaphakathi apho izenza uMagayiva, ezoo volti ziyi60 000 ziyibethele oogqirha nezicaka zayikhombisa kumangcwaba ooyise.

isibhalo@inl.co.za