Ziyaqhuba iinguqu kulwaluso lwamakhwenkwe

AmaMfengu ebengcamisa ukujika kwelanga, ze kwakuba kugqityiwe, inkwenkwe iyokutshotsha ubusuku bonke, ukuphuma kwekhwezi kuphunywe nayo ukusinga ezindle ukuya kwaluka. Kodwa kule mihla amaMfengu eliya lakuthi olusa ukujika kwelanga, kanye oku kwamaMpondomise.

Isithethe sawo sokwalusa ngonyezi siguqulwe ngamakhwenkwe ngokwawo. Njengokuba ebekhululwa ukuba ayokutshotsha ebusuku, asuka aveza umkhuba wokulwa abulalane. Ithi ebimele kuya kwaluswa iye emangcwabeni okanye esibhedlele, itshabhe leyo yokwalusa.

AmaMfengu elakuthi athe ukubaleka lo nto yokubhujelwa ngabantwana bebalusa asuka athi mayithi inkwenkwe ukugqitywa kwayo ukungcanyiswa indilwe kwangelo xesha kusingwe nayo ezindle iyokwaluswa kwangaloo njikalanga yomngcamo, kungabikho mtshotsho. Asikaboni igula ngengqondo ke nekuthiwa ayibuyanga ezindle kuba kuguqulwe isithethe.

Kanti ke umtshotsho wokungena kwamakhwenkwe wawusaya kuba yinto ngobunto bayo kwela kokwethu. Kusekho imitshotsho esankenteza nangoku kule yam ingqondo, endithi ndakubuyisa iinkumbulo ngayo ibe ngathi ibiyizolo oku.

Inkwenkwe engenayo ibizibalula, noontanga bayo babenekhwele bazive bengenako ukusala ngenxa yobushushu bomtshotsho, bazibe. Neentombi zamakhwenkwe angenayo ibiba ngumtshotsho wazo wokugqibela lowo, zizive zingena kusala emakhwenkweni nje tu; ziwelele esifaneni, itsho ibe ngumtshotsho oya kuhlala uyimbali lowo nakuzo. Aphela ke loo maxesha. Loo mitshotsho yavalwa, ingavalwanga yazivala ngokwayo ngenxa yeenguqu ezingacetywa bani.

Nasekuphumeni kwawo amakhwenkwe, emva kokuba kudliwe izidlo zomgidi, amakrwala ebenikelwa kubafana ukuba baye kuwafundisa isifana, kuxhentswe ubusuku bonke. Kuleyo ndlu yesifana bebekhutshelwa nojiki olubalingeneyo ukuba bazigcine ngabo ubusuku obu.

Naleyo into ayisemanga ngendlela. Amakhaya amaninzi ayivala loo nkqubo, kwangenxa yokuguquka kwesimo sokuziphatha kwabafana kuloo ndlu, basuke bavukwe bubukhwenkwe balwe – bayakhwanga abafana bale mihla. Enye into eyibethe yayitshayela le ntlombe kukunqaba kweentombi zokombela; azikho zaaphela! Komnye umzi ndibave bezombelela abafana, ukusuka apho ndabava beguya, ndatsho ndathi “yeny’ into ke le yomguyo entlombeni!”

Kulo nto ke yokuguquka kwezinto kwezolwaluso lwamakhwenkwe, kuguquke nemfundiso. Izinto ezifundiswa amakrwala ngabafana banamhlanje zizinto nje ongaziyo ukuba zivela phi na.

Ziyothusa izinto ezifundiswa amakrwala ekuthiwa “sisidoda”. Abafana banamhlanje ubudoda babo busemilonyeni, ininzi into abayishwaqa ngemilomo yabo engenantsingiselo abathi ukuyibiza bubudoda. Umfana ukhwaza ikrwala lizihambela phaya, ulibone lisithi vovololo lichopha ezithendeni ngathi ngumfazi ezihlangula enjeni, batsho bampore ke obo bubhanxa babo. Ubudoda abaziwa ngabafana banamhlanje, kukangako befundisa amakrwala ezi nto bawafundisa zona.

Kule yam inkwenkwe andazi ukuba izifundiswe ngeliphi na ixesha ezi zinto, kuba ke ebejongwe yindoda endala engawaziyo la masiko anamhlanje.

Nangani kunjalo ndiyiqaphele ukuba iyawazi lo mshikashika. Ndiyakrokra ukuba izifundiswe ngoku sele iphumile, apha kwiihambo zabo, kuba besingavumeli zaphuselana zabafana ebhomeni.

Amakrwala ebeke athathe iintsuku esambatha ingubo, athwale ikhetshemiya, aqabe imbola ngaphambi kokuba anxibe isuti nomnqwazi. Ithe yakuphela loo nto yengubo afakwa ikhaki. Ndithe ndisabukele leyo yekhaki ndabona kwezinye iindawo sebesebenzisa ii-ovalolo eziluhlaza, laa ovalolo inomntla nomzantsi.

Kule imihla andiboni naloo khaki, avele angene ezisutini amakrwala kutsho kungabikho nto, kungabikho nothi kwathini bekungathangani. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.