Ziyaqosheliswa iingxoxo ngowona mvuzo uphantsi kubasebenzi

AMAQELA abandakanyeka kwiingxoxo ngowona mvuzo uphantsi athi akufutshane kwisisombululo, emva kokungaboni ngasonye. Amaqela abandakanyekayo kwiNEDLAC – aquka urhulumente, iimanyano zabasebenzi, imibutho yasekuhlaleni kwakunye neyezoshishino – atyumbe iingcaphephe nezizakuhlola indlela ezakumiliselwa ngayo imivuzo. Iingxoxo ngowona mvuzo uphantsi ziqale kwiminyaka emibini edlulileyo, kwaye zithathe ixesha phambi kokuba kubekho isivumelwano ngenxa yamagingxigingxi avele ngethuba lezingxoxo. Abamele abasebenzi kwakunye nemibutho yasekuhlaleni bakhe bagrogrisa ngelithi bazakubamba uqhankqalazo ukuba akukho ntshukumo iya phambili kwezingxoxo. Imifela-ndawonye yeemanyano zabasebenzi ebandakanyekayo kwezingxoxo iCOSATU kwakunye neFEDUSA ithe iyakuvuyela ukutyunjwa kweengcaphephe nezizakunika ingxelo equlunqiweyo kwiintsuku ezingamashumi asixhenxe. I-NEDLAC ineqela labaphandi engakhetha kubo, kuquka iiyunivesithi eziliqela kweli kwakunye neminye imibutho ephanda iindlela zokusebenza kweli. Ingxelo ekhutshe yiNEDLAC ihambisa ithi, “Onke amaqela abandakanyekayo ayavumelana ngelithi ukutyunjwa kwezingcaphephe linyathelo eliya phambili, lokuhlola liphonononge iziphumo zokumiliselwa kwalo mvuzo.” Isithethi seCOSATU uSizwe Pamla uthe eli linyathelo eliya phambili nelilangazelelwa yilemanyano. “Bakwazile ukuqhawula amatyathanga phakathi kwabezoshishino nabasebenzi.” Nangona kunjalo iFEDUSA ithi isivumelwano ngowona mvuzo uphantsi yinto enobuzaza nenganeziphumo ezibi kwingqesho. Abezoshishino sebelumkise ngelithi ukusungulwa komvuzo ophantsi kungabeka imisebenzi emininzi emngciphekisweni, kwilizwe esele lithwaxwa yintswela ngeqsho. Noxa kunjalo uphando oluqhutyiweyo ngalo mba aliboni bungqina boko. UDennis George weFEDUSA uthi ukubekwa kwemihlambi eyalanayo kwiingxoxo ngomvuzo ophantsi, ziwasondeze ndawonye la maqela.

“Into eyinkuthazo kukuba sonke sikhangela isisombululo sokunciphisa intlupheko yoluntu, nokunciphisa umsantsa wokungalingani ngemivuzo. Kodwa kufanele silumke singayibeki phezulu kakhulu imivuzo, kuba oko kungakhokelela ekulahlekeni kwemisebenzi,” utshilo uGeorge. Kuvakala ukuba inani lowona mvuzo libekwa phakathi kweR3 500 yamawaka eerandi ukuya kumawaka amahlanu eerandi (R5 000).

Xa kuthe kwafikelelwa kwesi sivumelwano, elinyathelo liyakubuyela ePalamente nezakuwisa umthetho ogunyazisa ixesha ongaqala ngalo ukusebenza lo mvuzo.