Ziyeza iifilimu eMpuma Koloni

Zama Mkosi encokola neSolezwe eBlue Lagoon Hotel eMonti emva kokuthetha noosomashishini abasakhasayo basephondweni UMFANEKISO: Siyanda Zakhe

“Eyona nto sizama ukuyibaleka kukulungiselela umntu omnye qha okanye iqaqobana labathile kuphela. Ngoko ke sikwiphulo lokuseka iinkonzo ezisisiseko ezakuthi zihlale zihleli, kuxhamle isininzi.” la ngamazwi kaZama Mkosi, oyingqonyela yeNational Film and Video Foundation (NFVF).

OkaMkosi ebesisithethi kwindibano yophuhliso loosomashishini namashishini nalapho athe iMpuma Koloni liphondo abalibonela izinto ezinkulu kwicandelo lokudidiyela imiboniso bhanya-bhanya.

“Asizokuza apha sithi yenzani njengaseRhawutini okanye kwaZulu-Natal. Sifuna ukuva kuni ephondweni. Sifuna norhulumente wephondo athathe inxaxheba ekuqinisekiseni ukuba kwakhiwa iziko neziseko ezakuba lulutho kwabo bafuna ukudidiyela imiboniso kamabonakude.”

Encokola neli phephandaba bucala, ukwavakalise ukuba eNFVF bamema abo banomdla wokudidiyela umboniso onge “100 Years of Nelson Mandela” baze ngaphambili kwaye bakrobe ikhasi labo lomnatha ku www.nfvf.co.za okanye babhalele ku production@nfvf.co.za.

Ukanti bakwakhangela namabali esiNtu amatsha; “sisaxoxa ukuba sifuna iDocumentary okanye iifilimu zesiNtu, kodwa umdla wona sinawo kwaye abanomdla banganxulumana nathi.

Kolu dliwano-ndlebe bekukwakho uNosabatha Nyumbeka, wakwaNext Media Films, osebenza kakhulu noomasipala nokwakwiphulo lokudidiyela imiboniso ezilalini.

Uvakalise ukukhathazeka ngulo mgaqo wokuba iNFVF iqale kurhulumente, “umcimbi onje bekumele ukuba uqalwa nabantu abasebenza ngemiboniso bhanya-bhanya ukuze nazi kakuhle ukuba sisilela phi? singoobani? sidinga ntoni? ngoba oorhulumente ngaba baza kuthi kufuneka baqale bahlengahlengise ingxowa-mali, babeke imali bucala. Nto enokuthatha ixesha.” Naye, uMike Phantsi, uvakalise ukuxhalaba, esithi lilonke eli phupho lisenokuthatha ixesha.

“Kungakuhle ukuba kungabe kuqalwa nge-ofisi yeefilimu zaseMpuma Koloni okwangoku; sibe siqhuba. Eso ingasesona siseko!” Nangona evumelene nabo uMkosi, ugxininise ukubaluleka kokusekwa kwenkqubo eyakukwazi ukuzimela; engazokuxhomekeka kwiNFVF.

Ngethuba sibhala le ngxelo, okaMkosi bekulindeleke ukuba adibane nequmrhu lophuhliso laseMpuma Koloni (ECDC) kunye nesebe lezobugcisa ephondweni; nalapho bekulindeleke benze izicwangciso zentsebenziswano.