Ziyeza iiSATMA zeshumi elinesibini

USonwabile Mancotywa weNational Heritage Council noKumkani uZwelonke, eKapa

Kapa: Ziphehlelelwe ngokusesikweni iimbasa zomculo wesiNtu ezaziwa njengeeSATMA.

Lo msitho wokuphehlelela ezi mbasa ubusingathwe kwiziko lembali kwisiqithi iRobben Island eKapa, nalapho ubuzinyaswe ngabantu abaphuma kumaphondo awohlukeneyo aquka iMpuma Koloni, uMntla Ntshona neKwaZulu Natal.

Iindwendwe zamkelwe ngumphathi kwicandelo leentengiso kwesa siqithi uBongiwe Zeku nothe: “Kuluvuyo newonga kuthi kwesi siqithi ukuba sifumane ithuba lokusingatha lo msitho ubaluleke kangaka, ingakumbi kulo nyaka wokuba eli ziko lembali ligqiba iminyaka engamashumi amabini lasekwayo.”

Umqulunqi wezi mbasa uDumisani Goba, uwise nje amazwi ambalwa esithi: “Nanjengoko ezi mbasa zikhula, siyazingca ngomahluko eziwenzileyo ezimpilweni zabantu abaninzi ekungezomvumi nje kuphela, kodwa abo basebenza kuzo nakoosomashishini. Ndimema bonke abantu baqhwabe izandla nanjengoko sizakube sivuyisana namagqala omculo weli.”

Kulo msitho kudizwe uBothlale Boikanyo njengonozakuzaku wezi mbasa. Le ntwazana ineminyaka elishumi elinesithandathu ubudala idlala uOmphile kumdlalo we-etv iScandal!. UBoikanyo uthe: “Kuliwonga ukuba ndichongwe njengonozakuzaku wezi mbasa kuba kum zimele ingcambu zobu-Afrika kwanesintu sethu, zikhuthaza kananjalo ukuba ubani angayilabali imvelaphi yakhe.”

Kwakulo msitho kudizwe ukuba iimbasa zale minyaka mithathu ilandelayo zakusingathwa kwiphondo loMntla Ntshona, eMahikeng Bokone Bophirima. Kubantu ebebezimasile kuquka, ikumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu nabalingisi beenkqubo ezahlukeneyo kumabonakude.

Iimbasa zakuba ngomhla wokuqala kweyeDwarha eMahikeng, kwaye iminxeba yokuvotela abachongwa sele ivuliwe ku-34066.