Ziyeza izigidi kubahlali baseZimbane

“Bantu baseZimbane musani ukuxhalaba kuba imali yenu yebango lomhlaba yaafumaneka kwisithuba esingangeminyaka emibini edlulileyo qha urhulumente usayifumbathile kude konyulwe ngokusesikweni ikomiti ezakunabela imali ningalwi.”

Oku kudizwe ngowayesakuba ngusihlalo wekomiti yebango lomhlaba waseZimbane eMthatha ukususela ngo1997 uMike Mazwana kwintlanganiso ebibanjelwe kwilali yaseKhwenxurha kwikomkhulu laseMaxhwele ngoLwesithathu. UMazwana uthe le mali ayikho ngaphantsi kwe-R400 million.

Le ntlanganiso ebekungungelene kuyo ababangi abathi baxhalabile ithe yabanjelwa esithubeni emva kokuba INkosi uNosizwe Maxhwele ethe wala ngokuvulwa kwamaholo asekuhlaleni.

Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa uNosizwe Maxhwele uvakalise ukuba kukho isithintelo senkundla esithintela ukubanjelwa kwemiba yebango lomhlaba ngaphandle kwakomkhulu kungoko iintlanganiso ezikumila kunje ezikhaba ngawo omane.

“Akho mntu ungayaziyo kweli Zimbane ukuba inkundla yakuvala ukuxoxelwa kwemiba yebango lomhlaba ngaphandle kwakomkhulu nokuba kungasiphi na isizathu.

Kungoko ndathi ndakhwankqiswa kukuva ngeempukane eziluhlaza ukuba kukho iintlanganiso ezimana ukubanjwa ndingamenywa kuzo mna nekomiti ebambe intambo sithetha nje ekhokelwa ngu-Onke Bulo,” utshilo uMaxhwele.

Eyona njongo yale ntlanganiso ibikukusungula ngokungxamisekileyo ikomiti leyo urhulumente afuna ukuba yonyulwe ukuze ayiqeqeshe ukuze ifumane ize yabe ngendlela eyiyo imali yebango.

Kukwavakala ukuba i-ofisi yomkomishinala wamabango emihlaba uZukile Pityi ibatyityimbisele umnwe ababangi baseZimbane ngelithi ukuba kukhe kwafika ulonyulo lonyaka ozayo looMaspala kusekho le mbonde-mbonde ibambe ukukhululwa kwemali mabalibale ngokuyifumana kule minyaka ilishumi izayo.

Ongumhlali nombangi womhlaba waseZimbane uSupply Sapepa uthe behamba ngesantya esiphezulu nje kungokuba baxhalabile kuba bayaphela abantu kukufa belinde le mali abakholelwa ukuba ibanjwe yingxushu-ngxushu nokulwa kwekomiti entsha eyathi yonyulwa.

“Kudala sinyamezele iminyaka emininzi phofu siyeva koomabona-kude ukuba kwezinye iindawo imali yebango bayayifumana emva kweenyanga nje ezisithandathu.

Kodwa thina silinde into engaphaya kweminyaka elishumi elinesithandathu singqisha ndaweni-nye,” utshilo uSapepa.

Iziphumo zentlanganiso ibekukonyulwa kweCommunal Property Association nekuzakuthi kungeniswe amagama abo bonyuliweyo kwilali nganye ephantsi kweZimbane ngokungxamisekileyo phambi kokuphela kwenyanga ezayo.