Ziyeza nyan’ nyan’ iiECMAS ngoku

Imvumi yeli phondo uNathi Mankayi uzakuba ngomnye weemvumi ezizakonwabisa uluntu kwiiECMASumfanekiso: Phando Jikelo

“Nokuba kungathiwa kuza uMichael Jackson eMonti, kweli ityeli andingekhe ndizihlehlise umva iEastern Cape Music Awards (ECMAs).” La ngamazwi omsunguli wamawonga e-ECMAs uKoko Godlo.

UGodlo nohlehlise la mawonga kunyaka ophelileyo amatyeli aliqela, uthi nakanjani na, azakubanjwa la mawonga ngomhla we-25 kwinyanga yoMdumba eOrient Theatre eMonti. La mawonga asungulwa ngonyaka ka-2015 nalapho iimvumi zeMpuma Koloni zathi zawongwa ngomsebenzi wazo.

“Kunyaka ophelileyo sibe nengxaki yeemvumi ebezixakeke kakhulu, nekuye kwanzima ukuba sifumane ezo besinomnqweno wokuba zizimase umsitho wethu. Le ngxaki iye yaba ngunobangela wokuhlehliswa kwamawonga,” utshilo uGodlo.

Ukanti uGodlo ukwathe ukuqala kulo nyaka ka-2017 amawonga azakuthi asingathwe ekupheleni kwenyanga yoMdumba okanye ekuqaleni kwenyanga yoKwinda rhoqo. Oku izakubayindlela yokuzama ukuphepha ukurhoxiswa kwalo mnyhadala ngenxa yokungafumaneki kweemvumi xa kusondela ukuphela konyaka.

Uluhlu lwabavotelwayo alukatshintshi, ukanti iingcingo zisavuliwe, de kubethe umhla we-22 kweyoMdumba. Ukuvotela imvumi yakho oyithandayo, thumela igama elithi ECMAs, lilandelwe luluhlu, negama lemvumi ku-33459, umyalezo uxabisa iR1.50. Umntu ngamnye angavota amatyeli amaninzi, nto leyo izakubeka leyo mvumi ayithandayo kwithuba lokuphumelela iwonga.

Imvumi ezizakuzimasa lo msitho zingaphaya kwamashumi amabini, kwaye ukubalula nje ezimbalwa, nguVusi Nova, Nathi, Ntando, Butho noYolanda Vuthela, Bethusile, Khanyisa, Timoti, Mashava, Anisto-S, Mdantsane Gospel Choir, Mavie M, Chriss Gudda, Koe Banger, kunye nabanye abaninzi.

UGlodo ubongoze uluntu ukuba luthenge amatikiti kwangexesha ukuze lubeyinxalenye yabo bazakuzimasa lo mnyhadala. “Lonke uluntu luzakonwaba nanjengoko zonke iintlobo zomculo zizakube zikhona neziquka iHip hop, uMaskandi, iGospile, iKwaito nezinye iindidi zomculo. Ukanti nendawo ezizakubanjelwa kuyo iECMAs iyafikeleleka kwabo bahamba ngezithuthi zikawonke-wonke. Kulo nyaka njengoko sizisa eOrient Theathre, andifuni mntu uzakuba nesizathu sokungayi kulo mnyhadala” wongeze ngelo uGodlo.

Amatikiti afumaneka kuComputicket kwaye axabisa iR190.