Ziyihlabile ifolo iintombi zaseCala

Izolo sibike ngenqaku elidandalazisa ukukruquka kwamantombazana edolophu yaseCala kukuxhatshazwa ngamadoda amadala anemali aziwa ngegama elingundaba-mlonyeni elibizwa iiBlessers.

La mantombazana aseCala, ngokukhokelwa nguSanele Tyokolo, aseke umbutho abawubiza iBring Back Our Dignity ngelizama ukulwa nomkhwa wamadoda asebenzisa ukufuma kweepokotho zawo ngokuthi abelane ngesondo namantombazana aselula egameni lika “ndiza kunceda ngezimali”.

Ngokophando kufumaniseka ukuba uninzi lwamantombazana aqala ukufumana ulosuleleko lwesifo sikagawulayo esekwibakala lemfundo ephakamileyo, babe oogxa babo abangamakhwenkwe bengenachaphaza.

Kwilizwe elifana noMzantsi Afrika, apho kugquba intswelo-ngqesho, indlala nokungalingani, amantombazana aselula , iintyatyambo zelizwe, azifumana engamaxhoba esifo sikagawulayo.

Xa ke kunjalo, ilinge elifana neli lenziwa ngamantombazana aseCala lifanele ukwamkelwa. Amantombazana ezinye iindawo nawo mawazeke mzekweni, awulwe uphele uthi nyaa lo mkhwa weeBlessers ekubonakala ukuba zifuna ukwenza unothanda kwisizwe sakuthi.

“Ingxaki apha eCala yindlala ebomvu ebangela sihambe silala naba tata kuba sifuna imali yokuziphilisa nangona ibancinci iphinde ize neziphumo ezibi ezifana nokufumana izifo okanye ukudlwengulwa lula ngaba tata,” kutsho uTyokolo ethetha neli phepha-ndaba izolo.

Xa ke amantombazana aseCala ekwazi ukuma ngenyawo alwe lo mkhuba, abanye balinde ntoni?

Kuhle ukubona norhulumente engena kule ngxoxo malunga neeBlessers. Siyivile iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ewunyathela lo mba ngethuba ethetha nabantu abatsha ePort Alfred. Sikwavile nokuba umphathiswa wezempilo KwaZulu-Natal uGqirha Sibongiseni Dhlomo esithi uzakuwuphakamisa lo mkhwa weeBlessers kwinkomfa engesifo sikagawulayo ezakubanjelwa kwisixeko saseThekwini ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga.

Amantombazana aseCala ayihlabile ifolo, abanye balinde ntoni?