Ziyonyuka iziganeko zokuduka kwabantwana bazali!

UAvela ugqityelwe edlala neentanga zange ezineminyaka emithathu kuphela ebumelwaneni

Ibhaqwe sele ibhubhile inkwenkwana eneminyaka elishumi yaseCambridge Location eMonti emva kokuba ibiduke iintsuku kowayo neyagqityelwa ihamba neetshomi zayo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseCambridge, uKapteni Mluleki Mbi, ithi uAmila Kawa, 10, ubhaqwe ngoMgqibelo sele etyekezwe ngaphandle ngumlambo waseNahoon.

Oku kuza emva kokuba ngomhla wesithandathu kule inyanga amapolisa akhupha ingxelo yokuduka kukaAmila emva kokungabuyi kowabo ngomhla wesihlanu.

Ngokwengxelo eyakhutshwa lusapho lwexhoba emapoliseni, ithi uAmila wemka kowabo emva kwemini ngomhla wesine ehamba neetshomi zakhe besiya kwidami elikufutshane nabo beyokudada njengoko kwakutshisa ilanga ngolo suku. Yena yedwa zange abuye abanye babuya edamini. Amapolisa avule idokethi kwaye ayaphanda.

Kusenjalo, kusakhangelwa uAvela Mvavana ononyaka omnye neenyanga ezilishumi ezelwe, olahleke kwikhaya lakhe kuNtshamanzi kwilali yaseMoyeni.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Mali Govender, ithi uAvela ushiywe ngumakhulu wakhe kwamakhelwane nalapho umakhelwane naye asuke wahamba washiya uAvela kwakunye nabanye abantwana abangaphantsi kwiminyaka emithathu bodwa, bengekho phantsi kweliso lomntu omdala.

UGovender uthi ukubuya kwakhe umakhulu ufike bezidlalela aba babini bancinci engekho uAvela kwaye engekabuyi nomakhelwane. Amapolisa kaK9 Search and Rescue aseMonti kwakunye nabahlali asaqhubekeka nokukhangela.

UAvela uduke ngomhla weshumi kule nyanga.