Inkundla ephakamileyo kumntla weRawuti igwebe ngelithi mazikhutshwe okanye zipapashwe iziphumo zabafundi bakaGrade 12 abebefunda eli banga kunyaka ophelileyo.
Umcimbi wokupapashwa kwezi ziphumo ungene enkundleni emva kokuba umbutho obizwa ngokuba yi’Information Regulator ufake isithintelo ngakwiSebe lemfundo esisiseko ngelithi mazingapapashwa ezi ziphumo.
Ijaji ebichophele eli tyala, uRonel Tolmay, ugwebe ngelithi mazikhutshwe esidlangalaleni iziphumo zabafundi bakaGrade 12 zonyaka ka2024.
Le jaji ixelele inkundla ukuba ayifumani sizathu sokuba i’Information Regulator ingxamele ukuthintelwa kwezi ziphumo zonyaka ka2024.
Ingxelo yeInformation Regulator ithi ukupapashwa kwezi ziphumo kujongela phantsi amalungelo wabafundi abebechophele ezi mviwo.
Kulindeleke ukuba uMphathiswa weSebe lemfundo esisiseko uSiviwe Gwarube akhuphe ingxelo engeziphumo zikaGrade 12 ngomhla weshumi elinesithathu, ukuze ngomhla weshumi elinesine ziphume esidlangalaleni.
ULeigh-Ann Mathys we’Economic Freedom Fighters (EFF) uthi bona bebehambisana nombono wokuba zingapapashwa ezi ziphumo.
“Ukupapashwa kwezi ziphumo akuqulethe nto ngaphandle nje kokuba kuza kuhlekiswa ngabantwana, logama kukwadlaliswa ngesidima sabo esidlangalaleni,” kutsho uMathys.
Kwiinkqubo zoRhulumente wangaphambili, kwakuvezwa igama lomfundi namanqaku wakhe, kodwa ngexesha lolawulo lwentando yesininzi, kwatshintsha oko. Kungoku nje kuvela kuphela inombolo yemviwo yomfundi kwiphephandaba.
“Indlela aqhube ngayo umfundi kwiimviwo zikaGrade 12 yingxaki yakhe yedwa, akumele ukuba ipapashwe esidlangalaleni yaziwe ngumntu wonke, ngoko thina kwiEFF sihambisana nombono weInformation Regulator,” uvale ngelo uMathys.
Kuthiwa kulindeleke ukuba aqhube kakuhle amaphondo amaninzi kwezi ziphumo zalo nyaka.
Useziseleni uGogo Maweni!