Zizakuhlala zizinkedama iilwimi zeli: Ingcali

Injingalwazi ejongene neelwimi zase-Afrika kwiYunivesithi yaseKapa (UCT) * -Abner Nyamende uthi, zizakuhlala zizinkedama iilwimi zelizwe loMzantsi Afrika, emva kokuchithwa kwebhodi ejongene nokukhuliswa nokukhathalelwa kweelwimi zeli iPan South African Language Board.

Le bhodi ichithwe kwiveki ephelileyo ngumphathiswa wesebe lenkcubeko nobugcisa uNathi Mthethwa, emva kokuba eyichaze ukuba ayiwenzi umsebenzi wayo, kwaye ayinasicwangciso sicacileyo sokukhulisa ilwimi zeli.

“Yonke lento ithetha ukuba urhulumente wethu woyisakele ukuphuhlisa iilwimi zethu sililizwe loMzantsi Afrika,” itsho le njingalwazi.

Uhambisa athi, oku kuthetha ukuba isiNgesi siseza kuhlala songamele ezilwimi zomthonyama sizitsalele phantsi.

Lo kaNyamende ungqinelana nombono wokuba le bhodi, ayiwenzanga umsebenzi wayo wokuphuhlisa ilwimi zelizwe loMzantsi Afrika. “Umthetho olawula le bhodi uthi, isakumiselwa ibhodi le mayiqeshe ingqonyela ephethe abasebenzi ngoko nangoko. Ngumsebenzi wayo wokuqala lowo.

Le bhodi iqalise ngomhla wokuqala ku-Epreli ka2014, kodwa ude waphela unyaka nqunqe, kwafikwa kumhla wokugqibela kuMatshi ka2015, kwade kwagqithwa ibhodi ingekayiqeshi ingqonyela yabasebenzi (CEO).

Kucacile ke ukuba akubangakho zicwangciso zalo naluphi na uhlobo ezenziweyo, yaye kungabangakho msebenzi uqalisayo ukuwenza ibhodi le,” kutsho uNyamende.

“Endaweni yaloo nto, ibhodi yasuka yangena yonke kwiingxwaba-ngxwaba zabasebenzi,”ucacise watsho uNyamende.

Le njingalwazi ithi, zikho iinzame ezingephi ezenziwe zibhodi ezingaphambili, kodwa azibanga nafuthe libheke phi. “

Azibanga nafuthe lingako iinzame ezenziwe yile bhodi, ukusukela oko ithe yaqala nomsebenzi wayo wokukhulisa nokubuyisa isidima seelwimi zelizwe loMzantsi Afrika,” utshilo uNyamende. Uxanduva lokuqwalasela umsebenzi wale bhodi logama ichithiweyo, unikwe iNational Heritage Council ngumphathiswa de kulungiswe izinto.

Lo ka Nyamende ungenelela kugxudululu lweengcali, nezazi nabathandi beelwimi zeli ezithi zakhala emva kokuchithwa kwale bhodi.