Zizakuthunyelwa eChina iimveliso zama-orenji zaseMpuma Koloni

Kulindeleke ukuba athunyelwe eChina, Japan naseMiddle East ama-orenji eli leMpuma Koloni emva kokuba kuthe kwavunwa ngokusemthethweni ngumphathiswa wezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli phondo uMlibo Qoboshiyane eAddo ngoLwesihlanu.

Ifama yama orenji iKhangela eAddo yeyabahlali bala ndawo (Khangela Empowerment Trust) kunye nesebe lezolimo nophuhliso lamaphandle.

Eli orenji lizakuvunwa ukusukela kwinyanga kaCanzibe walo nyaka ukuya kwinyanga yoMsintsi. Ukuvunwa kweli orenji kubangela ukuba iphondo leMpuma Koloni ligalele kwingxowa mali yelizwe ngesixamali esikwiibhiliyoni ezimbini.

Lo mbutho wabahlali iKhangela Citrus Farm uvelisa ama-orenji, lamuni, narityi, naveli kunye negrapefruit kumhlaba ongamakhulu amane namashumi amahlanu anesine eehektare phezu komlambo iSundays River.

Eli phulo lenziwa libe yimpumelelo ngoncedo lesebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kunye neArhente ejongene nophuhliso lwamaphandle (ECRDA).

Othethe egameni lela sebe uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi isebe lakhe lisebenzisene kakuhle nabahlali ukuza kufika kweli nqaba lesivuno.

“Emva kokuba bethengelwe ifama abahlali, baye benza umbutho wabo onegunya lobunikazi, waza urhulumente wagalela izigidi zeerandi kwaza kwavuselelwa iziseko, nenkqubo yophuhliso ngezakhono kuquka neenqwelo mafutha zokusebenza,”ucacise watsho uSicwetsha.

Le ngxelo ihambisa ithi, ukungenelela kombutho iSouth African Fruit Exporters (SAFE) kuvule amehlo abahlali kwiindlela zokuthengisa esi sivuno kumazwe angaphandle.

Ukuthengiswa kwesi sivuno kumazwe angaphandle kungenza ukuba kuvele izithuba zomsebenzi ezisisigxina, ingeniso kubahlali kuliwe indlala.

Ziikhathoni ezikwisigidi zesisivuno ezisele zithunyelwe kumazwe aphambili kwihlabathi asebenzisa iimveliso ze orenji.

“Zizithuba zengqesho ezikumakhulu amane namashumi amane anye ezithe zavulwa, kuzo ezingamashumi amabini anesithandathu zisisigxina, amakhulu amabini ngabo basebenza ngexesha lesizini lo gama abanye abangamakhulu amabini neshumi elinesihlanu bebizwa xa kukho isivuno ukuze bapakishe,” utsho uSicwetsha.

Le ngxelo ihambisa ithi, kulindeleke ukuba kuvulwe ezinye izithuba zomsebenzi kungekudala nanjengoko esinye isixa somhlaba kulindeleke ukuba sisebenze.