Zizakuxhamla iintsapho zentlekele yaseBhisho

Sele kumbovu ukuba zixhamle iintsapho zamaxhoba entlekele yaseBhisho emva kweenzame zorhulumente weli phondo ezijolise ukuba banikwe imisebenzi xa kuvulwa iziko lezotyelelo kula ndawo. 


Ngomhla wesixhenxe kule nyanga ngo1992,  kwabulawa amalungu ombutho weANC angamashumi amabini anesihlanu kwenzakala abangamakhulu amabini emva kokuhlaselwa ngamajoni worhulumente kaOupa Joshua Gqozo owayekhokele eCiskei. 


Aba baqhankqalazi babenyanzelisa ukuba urhulumente kaGqozo uphume elulawulweni kupheliswe iCiskei. 


Othethe egameni lesebe lemidlalo nenkcubeko kweli phondo, uAndile Nduna, uthi banesicwangciso esicacileyo sokuba zixhamle ezi ntsapho. 


“Zininzi iinkqubo ezenziwe ngurhulumente ezijolise ukukhathalela iintsapho zaba bantu babhubha kule ntlekele, kodwa kukho esi sakhiwo sakhiwayo apha kufutshane nebala lemidlalo laseBhisho elizakuba yindawo yotyelelo, kuyo kuza kuqashwa abantwana nezizalwane zala maxhoba abhubhayo nalawo athi alimala,” uthethe watsho uNduna.

 

Olu qhankqalazo lalukhokelwe zinkokheli zombutho weSACP nezombutho weANC eziquka uChris Hani, Steve Tshwete, Ronnie Kasrils kunye noCyril Ramaphosa.


Kunyaka ophelileyo, uRamaphosa ebeyinxalenye yesi sikhumbuzo nalapho wathi wakhuthaza uluntu ukuba lusebenzele ukuguqula imeko yentlalo ngokwenza izinto ezakhayo egameni laloo maxhoba.


Inkulumbuso yeli phondo uPhumullo Masualle, wenze intetho ephambili kulo msitho kulo nyaka. 


“Ukusukela ngonyaka ka2010 urhulumente wephondo uqalile ukuxhasa esi sikhumbuzo ngeenjongo zokunika imbeko kula maxhoba, ilitye elinamagama wamaxhoba lityhilwe ngokusemthethweni ngonyaka ka2012,” uthethe watsho uNduna. 


Eli ziko lizakuvulwa kulindeleke ukuba libe yindawo yokutsala abatyeleli logama lizakuba lifundisa ngembali yentlekele yaseBhisho, amaziko anembali ngeQonce neMpuma Koloni ngokubanzi.

 

Inqanaba lokuqala lale mini ibe kukutyelela amangcwaba aseGinsberg nalapho angcwatywe khona amanye wamaxhoba ale ntlekele, kwaza kwabekwa iintyatyambo kwindawo enamatye esikhumbuzo phambi kokuba kwenziwe intetho kwibala lemidlalo laseVictoria eQonce.