Zizinyobo ezidale le ntlekele

Kukho intetho ethi akukho nzwana ingenasiphako, inyanisile yaye lowo wayiqaphelayo loo nto wasebenza. Iyasincedisa ke le ntetha ekunqandeni nasekomelezeni lowo ubonakala eneentandabuzo ngenxa yesiphako anaso, kuba ke akukho mntu ugqibeleleyo.

Ilizwe lethu ligutyungelwe ludushe ekukho abantu abatyhola intiyo ngokobuhlanga, bayikhumshe ke besithi yiZanobhiya.

Mna ke mntu uyijongele kufuphi le meko nanjengoko ndiphila kanye apha emngqushweni, andinanto iluphawu lwentiyo lwabuhlanga kwezi zenzo zehlayo.

Ukuba ke nam ndijonga gxwem ndiyakuxoleleka, izenzo eziqavileyo nezithe tshitshilili zezo zolwaphulomthetho, ukutyhuthula ngenjongo yenzuzo kumashishini nkqu nawabantu balapha.

Ulonwabo olungekhoyo lwenziwe yimbonakalo yokutshabalala kolutsha oluthiwe mbende ziziyobisi, ke sityhola amaNigeria ngokwandisa ezi zenzo nekubonakala ngathi kukho igunya lokwenza njalo.

Ipatyalakile ke injongo yoku kuba naku ikratyakele kulo nyhatyhawe wezixholoxholo.

Mawethu ndithe kanye ngeli xesha lixubayeleyo eli lakuthi ilizwe, mandinyukele ngasentla apho izibilini ziphezulu ngenxa yamaAfrika aseMzantsi akhethe uhlasela amawawo.

Ndiphuthume incwadi yesinye sezitshica inki, ingqondi nenkcubabuchopho eyaziwayo kule Afrika, uNjingalwazi uChinua Achebe. Incwadi le yapapashwa phaya ngomnyaka ka1960 yiHeineman Educational Publishers. Ukanti yaguqulelwa esiXhoseni nguHlumela Mothlabane phaya ngomnyaka ka1992.

OkaAchebe wahle wayibona ingxaki edala ukwamkelwa kwezinyobo ngamagosa aseburhulumenteni. Usebenzise umlinganiswa onguObi Okonkwo owayeluchase engafuni nokulubona olu hlobo lolwaphulomthetho.

Umfo omkhulu uzibona ekwazi ukuziphepha izinyobo ekufikeni kwakhe kwiofisi yakhe njengoko wayengumabhalana omkhulu kwicandelo elihluza izicelo zabafundi abazokuzuza ithuba lokunikwa inkxasomali ukuze bafunde eNgilani.

Zithe ukuba zimembathe iingxaki akabona cebo limbi koko wazamkela. Laa ngcamango yakhe neziya zifungo zakhe ngethuba efika kweso sikhundla zazicime pam engqondweni yakhe.

Ukunyoba lulwaphulomthetho olugubungele onke amaziko karhulumente nditsho nakweli lethu ilizwe. Xa le ngxaki yayikho kwakudala, ibe siyakuze sifunyanwe nini phi isisombululo sayo.

Andithi baninzi abaphulukana nokuxhamla ngenxa yokuba endaweni ebekufanele kuxhamle bona kufakwe mntu wumbi onyobileyo.

Ingxaki ebenazo uObi azimniki gunya lokwamkela izinyobo. Ububhetyebhetye bobunkokheli nokungakwazi ukumelana nenzima yexesha lokungabinanto kudala ukungazithembi.

Iyingxaki ke into yabantu abazithemba ngenxa yesikhundla abakuso. Izwekazi lakowethu iAfrika lithiwe wambu yinwebu enezothe yokunyobisa kwamagosa aseburhulumenteni.

Luluchwe olufuna ugutyulo olu ukuze abatyalimali bathembele kuthi, bazithembe nezigqibo zethu. Namhlanje sinekomishini kaZondo ephanda amanyundululu enziwe ngabantu esibanike uxanduva lokusikhokela, balithathe ilizwe lethu balibeka kule nkunkuma sikuyo kungokunje.

Amaphaphu aphakame ngakhona kubemi beli lizwe, inye nje imposiso abayenzileyo kukutyumba ukuhlasela amaAfrika odwa. Oku kumelwe ukuheshwa kuchilwe kungabuyi kwenzeke. Abona bantu bekufanele sibabhinqisa ilahle ngaba sibabeke kurhulumente.

Ukuba bebekhathala, ukuba bebehoyile, ukuba bebemamela, ukuba bebesijongile ngekungenje. Yimeko ekudala ibonakala ukuba ngenye imini iyakuze ifike. Ndiniyekile!