Zohlukene iimbono ngomhlaba waseTolofiyeni

“Asiyazi le nto iqhubeka kulo mhlaba waseTolofiyeni nakwaMasingatha silikomkhulu lamaRharhabe, sibona kusikwa iziza kufutshane nendlela uR63 yilo nto sibize isizwe.”

La ngamazwi kaNkosi Banzi Tyhali wesizwe sama- Rharhabe emva kokukhula kweziganeko zokucandwa komhlaba kufutshane nohola wendlela ngakwidolophu yaseQonce.

Le Nkosi ithi baphanda amarhe okuba lo mhlaba uyathengiswa ngamagosa karhulumente ebambisene namagosa akwamasipala.

“Iingxelo esizifumanayo zithi ezinye kwezi ziza zithengiswe ngemali ephaya kwishumi elinesithandathu lamawaka, kwaye asiyamnkeli yonke le nto,” uchaze oko uTyhali.

Le ngxaki ibangela ukwahlukana kubantu bezi lali kuba kukho abo bathi yonke le nto yenzeke ngokusemthethweni.

Ukanti kukwakho abo batyholwa ngokusebenzisana namagosa karhulumente ukuthengisa lo mhlaba.

Omnye wabahlali belali yakwaMasingatha uNtsikelelo Moyakhe uthi, ulwazi abanalo aluhambelani nolo lekomkhulu lamaRharhabe.

“Thina sisike ngesivumelwano sencwadi esuka kuNkosi Lindile Tshatshu nakuceba wale ndawo yethu kuba kudala sifuna umhlaba wokusika iziza,” uthethe oko uMoyakhe.

Kwingingqi yaseTolofiyeni ziyabonakala iimpawu zokungavani kwabahlali kuba ezinye zeziza ezibiyiweyo ziqhawule amacingo kwadilizwa nezindlu zenkcenkce ngabo bachase le nkqubo.

Ukanti omnye wabahlali bakwaMasingatha uPeter Bacela uyangqina ukuba le nkqubo iqhube ngokusemthethweni ngemvume yekomkhulu.

“Sicele iziza komkhulu apha ngaphakathi elalini kwaMasingatha sazifumana, kamva kufike urhulumente efuna ukwakha indawo yokwamnkelisa abantu abadala, baza bathi abantu bakwarhulumente bafuna indawo ephaya ecaleni kwendlela savumelana ukuba makwakhiwe phaya ecaleni kwendlela, kamva sicele ukuba masinikwe iziza ukuze sikhusele ela ziko lokwamnkelisa,” ucacise watsho uBacela.

UNkosi uTyhali uthi bajonge ukubamba intlanganiso bezakudibanisa isizwe sonke esikufutshane kula ndawo ukuze kunqunyanyiswe yonke inkqubo eqhubekayo.

Ibango lalo mhlaba lineminyaka liqhubeka phakathi kwabo banikene iziza kunye nabo bangabahlali bala ndawo.

“Asisoze siyeke ukulwela ukukhusela lo mhlaba kuba sisebenzela ukuba yonke into yenzeke ngokusemthethweni ukuze kubekho inzolo kule ndawo,” uthethe watsho uTyhali.

Ukanti isebe lezemihlaba kweli leMpuma Koloni lithembise ukuba lizakubuyela kuthi ngempendulo malunga nale ngxaki.