Zomile iimpompo zamanzi eNkanini eKhayelitsha

 IMBALELA eyambethe iNtshona Koloni ithwaxa abahlali baseNkanini eKhayelitsha – kungoku nje sele kugqithe inyanga zomile iimpompo zamanzi.

“Sinexesha elingaphez’ukwenyanga iimpompo zomile. Nabamelwane bethu kooMakhaza naseHarare sebedikiwe sithi ngokunkinkqa amanzi, utsho uLuvo Velem ongumhlali.

Ilungu lekomiti yamanzi kwisixeko saseKapa uXanthea Limberg, uthe uyayazi le meko kwaye benza konke okusemandleni ukulungisa isimo. “Lo mba siwujongisisile ngeenjongo zokuza nesisombululo,” utshilo.

UNobandla Makhalipha uthe: “Idlulile inyanga ndicela amanzi kubhuti wam ohlala eMakhaza.”

Uthi le ngxaki wayichaza kwinqila nakwisixeko saseKapa isaqala. “Ndathi xa nditsalela umnxeba isebe lezamanzi ndaxelelwa ukuba unobangela ngumbhobho wethu ogqabhukileyo. Ndathenjiswa ukuba kuzakuthunyelwa abasebenzi baze kuwulungisa kodwa kunangoku abakafiki. Kungoku nje izindlu zangasese ziyanuka kuba azigungxulwa.”

Abahlali ngoku basebenzisa ihlathi elikufutshane ukuzithuma. “Kugcwele ilindle nje kwaye liyanuka ngoba alikudanga ihlathi. Ndiziva ndihlazekile xa ndinqumla umgaqo ndisiya ehlathini ndijongwe ngabahlali beyazi ukuba ndiyokwenzani. Andisathethi ngabantwana bethu abaphepha iimoto ezibalekayo besiya ehlathini,” utshilo.

UMakhalipha uthi oku kunqaba kwamanzi kubabetha ezimpokothweni nanjengoko abanye beqesha amakhwenkwana abakhelele amanzi kude.

“Iyandidinisa mna la ndlela iya eMakhaza. Yiyo lo nto ndiqesha la makhwenkwana ze ndibhatale iR5 ngembombozi.”

Umhlali waseMakhaza uLulama Jila uthi nangona ibuhlungu nje le meko yaseNkanini kodwa abanye bawelwe ngumqa esandleni.


“Kuvuleke ushishino lokuthengisa amanzi apha ngoku. Uyakumva umntu esithi andina nto yokutya ubonanje andiyazi bafika nini abantu baseNkanini bazokuthenga amanzi. Abanye sebefumana iimali zokukhwela ukuya empangelweni okanye baphathise abantwana babo xa besiya esikolweni,” utshilo.