Zongeziwe izityholo zikaPanayiotou

Otyholwa ngokubulala unkosikazi wakhe uChristopher Panayiotou ujongene nelinye ityala lezityholo zokuphazamisana nengalo yomthetho ngethuba kuqhuba eli ityala .

UChristopher, otyholwa ngokupheka iyelenqe lokubulala umkakhe uJayde, ebevele ngoLwesibini okokuqala kwinkundla ephakamileyo yamatyala eBhayi, nalapho liye lamiswa ityala lakhe limiselwa umhla wama (25) kwinyanga ezayo ukulungiselela ukuqala kokuxoxwa kwalo ngenyanga yoMsintsi.

UChristopher ebevele ekunye natyholwa nabo kweli tyala uSizwezakhe Vumazonke kwakunye noSinethemba Nenembe.