Zonke iindlela zikhomba eBhayi

ZISINGISE eBhayi zonke iindlela kumalungu eANC kweli. Ngomgqibelo lo mbutho ulawulayo uzakube usothula umqulu wezithembiso kunyulo loorhulumente basekuhlaleni elizakubanjwa ngoAgasti walo nyaka kumabala emidlalo aseNelson Mandela Bay.

Zithe bhazalala kwiingingqi zeMpuma Koloni iinkokeli zalo mbutho ngeligaya inkxaso kubalandeli balo mbutho ukuba baphume ngobininzi babo ukuzibandakanya nomnyhadala wangomgqibelo. Unongxowa walo mbutho uGqirha Zweli Mkhize ubegaya inkxaso kwingingqi yeOR Tambo, ngelixa usosiba jikelele uGwede Mantashe ekumhlaba waseChris Hani.

UJessie Duarte ongusekela sosiba ebegaya inkxaso kwingingqi yaseBuffalo City.Ezi nkokeli beziphelekwa ngamalungu esigqeba esikhokeleyo kuKhongolose. Umongameli weli uJacob Zuma kulindeleke ukuba othule intetho phambi kwe100 000 yabalandeli balo mbutho ekulindeleke ukuba bazimase lo msitho. Isithethi seANC eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthe bakulindele ukusingatha lo msitho.

UQoboshiayne uthe, “Silindele amalungu ombutho kwizwelonke, amalungu eANC aphuma kumaphondo angaphandle azakugaleleka ngoololiwe, sikhuphe iibhasi ezizakuthatha abalandeli kuzo zonke iingingqi, kwaye zonke zigcwele. Ibala lezemidlalo elisingatha abantu abayi 60 000, lizakube liphuphumala kuba silindele i100 00 yabantu.”

Ukwathe, lo mndyadala uzakuliphakamisa uqoqosho laseBhayi, “Zonke iindawo zokuhlala zigcwele,” utshilo uQoboshiyane. Ukwathe, “Silindele iinkokeli zemveli, imibutho yoluntu, abezenkolo yezakwalizwi, noosaziwayo.”

UQoboshiayane uthe, iANC izakuzuza impumelelo engaphezulu kwebiyizuze ngo2011. “Uphuhliso oluqhubeka apha ukususela oko kuthe kwangena uDanny Jordaan njengosodolophu zange labakho ngaphambili. Sinethemba lokuba abantu ababengasivotelanga ngo2011 bazakusivotela, sizakuphumelela neeWadi ebezikade ziphantsi kweDA, kuba abo bangazange bavote kuba bengonelisekanga ngooceba bafumene ithuba lokutyumba abantu abafuna ukuba babakhokele.” Utshilo.