Zuma: Bafuna ukundivala umlomo

Obesakuba nguMongameli woMzantsi Afrika uJacob Zuma ukholelwa ukuba ukuvuselelwa kwakhona kwamatyala abekwe wona, lilinge lokuba avale umlomo.


UZuma ebethetha nabaxhasi bakhe emva kokuvela nje kancinane phambi kweNkundla ePhakamileyo yaseThekwini ngentseni yangoLwesihlanu ngamatyala obuqhophololo, ubuqhetseba nokwehlisa imali ngomlenze.


Enkundleni ebezolile, ebuqumba, kodwa nanjengoko kusaziwa – ebekhe aqhuzule intsini.


Ngaphandle kwenkundla bekunyakazela ngabaxhasi bakaZuma, bambi bevathe imibala yeANC – benyevulela umyalelo weKomiti yeANC embaxa ebiyalele ukuba makunganxitywa imibala yeANC ngethuba lokuvela kukaZuma enkundleni.


Umtshutshisi wombuso uBilly Downer uvele nje waveza ukuba ufuna ityala lihlehliselwe umhla wesibhozo kweyeSilimela, isicelo iJaji engakhange isigatye.


Emva kokuvela enkundleni, uZuma uthethe nabaxhasi abebeyinyambalala.

“Amatyala endibekwa wona aphehlwe yipolitiki. Eli lityala lokuba ndivale umlomo. Kutheni le nto kusithiwa abantu mabangazibandakanyi nam,” utshilo uZuma.


“Ndavela enkundleni ndibekwa la matyala ndibekwa wona namhlanje. Kutheni le nto ndibekwa ityala elinye nje oko?” kubuza uZuma. 

 

Ngonyaka ka2009, obesakuba yintloko yeGunya-Bantu lezoTshutshiso uMokotedi Mpshe wawachitha amatyala ajongene noZuma. Kodwa isigqibo sikaMpshe siye sachithwa kwasona yinkundla yesibheno kunyaka ophelileyo isithi sasingasekezelwanga emthethweni.