UMongameli Jacob Zuma uthi bonke abagqatswa abasixhenxe abafolele isikhundla sobuMongameli kwiANC, banezakhono zokuthatha lo mbutho nelizwe bawuse kwelinye inqanaba.
UZuma ebethetha ngenjikalanga yangoMgqibelo ngethuba evula ngokusesikweni inkomfa yeANC yamashumi amahlanu anesine ebanjelwe eNasrec eRhawutini.
Ukuvulwa kwale nkomfa, kuthetha ukuba izithethe zenkomfa ezifana nokulungiselelwa komba wokonyulwa kwabagqatswa, zingathabatha inxaxheba.
UZuma uthi uthethile nabagqatswa abafolele isikhundla sobuMongameli kwiANC, futhi uyabathemba bonke.
“Nokuba konyulwa bani, bonke banezakhono zokukhokela ilizwe. Kokokuqala ndibona kukho abagqatswa abasixhenxe kwisikhundla sobuMongameli. Yonke le nto ibonakalisa ukuba inkqubo yedemokhrasi iyasebenza kwiANC.
“Ndilindele nokuba konyulwa bani, ukuze ndimbize uMongameli wam.
Masamkeleni iziphumo zenkomfa nokuba zinjani,” utshilo uZuma.
UZuma uthi umgaqo-nkqubo weANC uthi nokuba sele ubumthanda kanjani umgqatswa wakho, kufuneka wamkele iziphumo zenkomfa, kuba “amasebe athethile”.
Le nkomfa iqhubeka ngexesha apho umbutho wethu usezingxakini. UZuma uthi iziphumo zolonyulo loomasipala ngo-2016, zingumfuziselo wokuba uluntu alonwabanga yindlela “esiqhuba ngayo izinto”.
Kodwa uZuma ukhuthaze abathunywa bale nkomfa ukuba bamanyane emva kwale nkomfa.
“Masiphume kule nkomfa simanyene, kuba ubumbano lulo oluzakubangela ukuba sibenempumelelo,” utshilo uZuma.
Abagqatswa abafolele isikhundla sobuMongameli kwiANC nguNkosazana Dlamini-Zuma, Cyril Ramaphosa, Lindiwe Sisulu, Zweli Mkhize, Baleka Mbethe, Mathews Phosa noJeff Radebe.
Iziphumo zophumelele kwisikhundla sobuMongameli, nakwezinye izikhundla, zakubhengezwa ngokuhlwa kwangeCawe.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma