Zuma: Yinyoka iDA

IDEMOCRATIC Alliance (DA), olona tshaba lwe-ANC eNelson Mandela Bay, ibisisigculelo sohlaselo lukaMongameli weANC uJacob Zuma, obethetha kwindibano iSiyanqoba yephondo ebibanjelwe kwibala iDan Qeqe eBhayi ngoMgqibelo.

“Ndiya bacola ngoku [abe-DA], futhi akukho noSomlomo [wasePalamente] ozakuba nqandela,” utshilo uZuma ogama lakhe elinye inguGedleyihlekisa, nelintsingiselo yalo ithetha umntu onolwamvila olungathethekiyo kodwa ohlala encumile.

UZuma ebethetha nabalandeli balo mbutho abadele ingqele bayokumamela okuqulathwe ngulo mbutho.

UZuma uthi iDA iyafana nje “nenyoka”. “Sasicinezelwe yiNational Party eyatshintsha igama yayi-DA. Ngexesha localucalulo, iNational Party sasiyithatha njengokuba yinyoka kuthi. Ne-DA ke yinyoka kuba iyimveliso ephuma kwiNational Party,” utshilo uZuma.

Uthe iDA ayinasicwangciso. “Xa befumana ithuba, bathetha ngeNkandla, uZuma kunye nobuqhophololo, ayikho enye,” utshilo uZuma.

Ngethuba ethetha kwiholo iGompo eDuncan Village eMonti ngoLwesihlanu, uZuma uxelele abaxhasi beANC ukuba imibutho efana neDA, EFF, Cope ne-UDM “akukho kwanto enokuyenzela uluntu lweli”.

“Ngamaxoki nje, abanawo kwamava kwimiba karhulumente. Thina sakhulula uluntu kurhulumente wengcinezelo emva koko saqala urhulumente wentando yesininzi. Kuninzi esele sikwenzile futhi kuseza kubaninzi esizakwenzela uluntu,” utshilo uZuma.

Ukwathe ukuvotela iANC kufana twatse nokuvula iingcango eziya emazulwini. “Ukungavoteli iANC kuyafana nje nokwenza ulwaphulo-mthetho okanye ukukhetha umtyholi endaweni kaThixo,” utshilo uZuma eDuncan Village.

UMongameli ukwagaye inkxaso kumalungu eANC eMdantsane emva kwemini ngoLwesihlanu.