Zwelonke: UZuma ebenyolukiswe kukulamba

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu uthi into ebangele ukuba obesakuba nguMongameli uJacob Zuma agaxeleke kumabholo obuqhophololo kukuba watyunjwa “elambile”.

“Ingxaki ngolawulo lukaZuma kukuba kwathathwa umntu olambileyo, ongenantlonipho ngemali yoluntu, wafika wanyolukela kwa le mali yoluntu.

Phantsi kolawulo lukaZuma, ilizwe lethu belinxunguphele, kubonakala nje ukuba kufakwe umntu ongakhathalelanga kwa ezo zankxwe,” utshilo uSigcawu.

USigcawu uthi banethemba kuMongameli omtsha welizwe uCyril Ramaphosa.

“SiliKomkhulu lamaXhosa, sichulumance kakhulu kukubona uCyril Ramaphosa enguMongameli welizwe kuba ke phantsi kwesikhokelo sikaJacob Zuma bekukho amakhwiniba, afana nokwehliswa kwemali ngomlenze nentswelo-ngqesho.

“Sinethemba kuRamaphosa ukuba izinto ziza kubuyela esiqhelweni, kuthiwe xha ekubiweni kwemali yoluntu, kudaleke nemisebenzi,” kutsho uSigcawu.

“Phantsi koRamaphosa, ongusomashishini, sinethemba lokuba umdla wabatyali-zimali uza kukhula, ukuze kuqesheke abantu bakowethu kuphele indlala.”

USigcawu kudala esithi makagxothwe uZuma. Ngethuba wayethetha eRhini kweyeNkanga ngo2016, uSigcawu wathi iANC “ibubutyobo” nje kungenxa kaZuma, esithi izinto kulo mbutho zakulunga mhla eshiyile esikhundleni lo kaZuma.

“Bantwana begazi iANC yonakele nje kungenxa kaZuma, futhi mna ndixhasa abo bathi makashiye esikhundleni uZuma kuba iANC ibubutyobo ngenxa yakhe,” kwatsho uSigcawu.

Kwinyanga ephelileyo, uRamaphosa ebetyelele eNqadu kuGatyana kwinkqubo yokutyelela amaKomkhulu njengophawu lokuhlaziya iANC.

Kolu tyelelo, uSigcawu waxelela igqiza leANC ukuba kudala ekhala esithi makufakwe itha kwindlela yegrabile eya Komkhulu eNqadu.

Abe-ANC bathembisa ngokuyisela iliso le nkxalabo yeKumkani.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za