Zwelonke: UZuma wenza unothanda

IKumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu umfanekiso: siyanda jantjies

IKUMKANI yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu uthi uMongameli Jacob Zuma wenza “unothanda” kweli lizwe kwaye ukuba uyaqhuba eseselulawulweni “ilizwe loMzantsi Afrika liya kwantshabalala”.

USigcawu uthi bekungekho nto inyanzela uZuma ukuba atshintshe uMphathiswa wezezimali uPravin Gordhan nesekela lakhe uMcebisi Jonas kwizikhundla zabo.

“Ukugxothwa kwezinkokeli zimbini [uGordhan noJonas] yinto ebingafanelekanga konke konke. Bekungekho nto inyanzelisa ukuba bakhutshwe, kuba bebesenza umsebenzi omhle wokujongana neemfuno zoqoqosho loMzantsi Afrika,” kutsho uSigcawu.

UZuma uthabathe isigqibo sokugxotha uGordhan noJonas, endaweni yabo wafaka uMalusi Gigaba noSfiso Buthelezi.

Esi sigqibo sibangele ukuba i-arhente yezilinganiso iStandard and Poor’s ilehlise iqondo leli lizwe yayokulibeka kwinqanaba loomoto ziqhawukelwe ziziqhoboshi.

Abahlalutyi bezoqoqosho bathi oku kuza kuba nefuthe elibi kubantu baseMzantsi Afrika nanjengoko kungabangela ukuba kube nzima kwiintsapho ukuhlawula amatyala afana naweemoto nezindlu nanjengoko ezakufunquka.

Abahlalutyi bakwathi iimveliso zangaphandle ziza kuxabisa imali ethe xhaxhe ngenxa yoku.

USigcawu uthi konke oku kubangelwe nguZuma. “Sikule meko nje nguZuma, ongafuni bantu bamphikisayo. Andiyazi ke ukuba ilizwe lingaze lakheke njani xa inkokeli ingafuni kuphikiswa.

“UZuma makayazi ukuba xa ingeyiyo, ayiyiyo. Elam ilizwi lithi ukuba iinkokeli zeANC zifuna ukubeka lo mbutho kwesasidima wawukuso, ngokuya yayinabalandeli abaninzi, ngebekhe bamcele lo tata [Zuma] ukuba agoduke. Ingxaki kwiANC kukuba abantu abakufutshane nomongameli abakwazi ukuthi hayi xa emosha uZuma,” utshilo uSigcawu.

Kodwa ikhaba lamanina kwiANC likholelwa ukuba isibhengezo seStandard and Poor’s asichanekanga. Lo mbutho (ANCWL) utyhola iStandard and Poor’s ngokuqhutywa emva yimidla yezopolitiko.

UGigaba uthi ukwehliswa kweqondo lembonakalo yoMzantsi Afrika kubuyisela umva eli lizwe, “kodwa akukho mfuneko yakulahla ithemba”.

Lo kaGigaba uthi uxelelwe ngoLwesihlanu yiStandard and Poor’s malunga nesigqibo sayo.

Isigqibo sikaZuma sokutshintsha ikhabhinethi sibangele uqhekeko ngokwezimvo kwiinkokeli eziphezulu zalo mbutho emva kokuba usekela mongameli Cyril Ramaphosa, unobhala uGwede Mantashe nonondyebo uZweli Mkhize bevakalise ukuba abahambisani nesigqibo esithatyathwe ngumongameli.

Olu qhekeko lunabele naseMpuma Koloni. Abaxhasi bakaZuma eMpuma Koloni balubona olutshintsho “njengoloyiso” kumsebenzi wenkampu yabo yokuqinisekisa ukuba uNkosazana Dlamini-Zuma ungena kubumongameli beANC kweyoMnga kulo nyaka, logama abo baxhasa uRamaphosa bekubona oku “njengesixhobo” sokuqokelelana “ukulwa ukutshatyalaliswa kwesidima seANC nguZuma”.

Unobhala weCOSATU uBheki Ntshalintshali uthi lifikile ixesha lokuba uZuma athi gu bucala. “Sicinga ukuba akaseyiyo inkokeli elungele ukukhokela eli lizwe,” kutsho uNtshalintshali.