Indlela ekuqhutywe ngayo ulonyulo lamalungu weenkokheli ze-Economic Freedom Fighters (EFF) eNasrec, eGoli, ibhentsisa kakuhle ukuba acinezelwe amalungelo amalungu alo mbutho.
Bekulula ukuqaphela ukuba isikhokelo esonyulwe apha sele sisaziwa ngaphambi kokuba konyulwe. Oku kuduliswa yinto yokuba onke la malungu awakhange akhuphisane namntu kwizikhundla ezithandathu.
Kaloku kunyulo olusekelezelwe kulawulo lwesininzi, kumele ukuba kubekho ukhuphiswano olucacileyo. Ukhuphiswano lubonisa ukuba akukho bani unyanzelwe ukuba avote ngendlela ethile.
USekela Mongameli omtsha we-EFF, uGodrich Gardee ophuma kwiphondo laseMpumalanga, wonyulwe nangona ilungu lephondo lakhe belizama ukumcela umngeni kwesi sikhundla. Eli lungu lithethe lathi: “Ndimele amanina, ngoko ke ndiyazonyula kwesi sikhundla sokuba nguSekela Mongameli,” kutsho ilungu uEsther Molepo.
Izinto azikho ngendlela ebonakala ngayo, awonwabanga amalungu athile ngendlela ekonyulwe ngayo, njengazo zonke ke iinkomfa.
Kona ibilixesha lokuba kukhutshiswane ngezikhundla kwiEFF ukubonisa ukuba ngenene amalunga asakwazi ukuthetha, okanye amalungu awacinezelwanga ngeezimvo zikaJulius Malema.
Ngonyaka ka2019, kwaphaya eNasrec kwakukhutshiswana ngendlela enika umdla ngezikhundla ezihlanu, sabasinye isikhundla esingazange sibenamceli mngeni seso sikaMongameli.
UMalema wonyulwe nangona enze umonakalo kwiEFF ngokuthi lo mbutho ulahlekelwe zizikhundla epalamente phantsi kolawulo lwakhe.
Iphondo laseMpuma Koloni alimelwanga lilungu kwisigqeba esilawulayo se-EFF, oku kuthetha ukuba ambalwa amathuba okukhula kwalo mbutho eMpuma Koloni. Kule minyaka ilishumi igqithileyo, iinkokheli ebezimele iMpuma Koloni kwisigqeba esilawulayo zonke zisilele ukukhulisa iEFF eMpuma Koloni.
Xa ubukhangele, amalungu angamanina aphambili kwiEFF ebebonakala ukuba awanamdla, kufana nakwiinkomfa ezingaphambili. Kumbutho obanga ukuba ukhokela ngolawulo lwesininzi kumele ukuba amalungu axoxe, avote ngokukhululekileyo.
Ukungabikho kwempikiswano ngezikhundla kuthetha ukuba akhona amalungu angonwabanga anyanzelwa kwizimvo ezithile. Ukungabonakali kukaGqirha Mbuyiseni Ndlozi kuthetha ukuba ngenene ebeyirhorho kuMalema, kwaye kuqinisa iingxelo zokuba unyanzelwe ukuba angayizimasi le nkomfa.
UMalema wonyulwe ke njengoMongameli kwakhona esekelwe nguGardee, uSihlalo nguNontando Nolutshungu ophuma kwaLanga eKapa, eNtshona Koloni. UNobhala walo mbutho uMarshall Dlamini ophuma eMzimkhulu eHarry Gwala, uphinde wonyulwa engaphikiswanga kwisikhundla sakhe, logama uLeigh-Ann Mathys enyulwe njengeSekela likaNobhala.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!