Kumaxesha angaphambili ngexesha lomzabalazo, abantu beli ezilalini nasezilokishini babemanyene ekulweni utshaba, umcinezeli wabantu. Umcinezeli ebeneempimpi zakhe ebezisokolo zidungadunga iinzame zokulwela inkululeko, ngokubulala nokuthelekisa abo bakumzabalazo.
Ngenxa yeenzame zoluntu bencediswa kukumanyana, bakwazi ukuzikhupha iimpimpi phakathi kwabo kwajongwana notshaba – umcinezeli.
Xa ukhangela indlela ubugebenga obuqhubeka ngayo kweli lizwe, ibonakalisa ukuba ngenene makubekho ukubuyela kwiindlela zakudala, uluntu malumanyane ukulwa ulwaphulo-mthetho. Oku akumele kubonwe njengenzame zokujongela phantsi umsebenzi wamapolisa.
Kuthethwa ngokongezwa kwamapolisa yonke imihla ngeenjongo zokulwa ulwaphulo-mthetho, kodwa azikho iinguqu ezibonakalayo. Abantu abazizisulu kwizaphula-mthetho babulawa yonke imihla kwaye izinga lokubanjwa kwabo liphantsi kakhulu. Umanyano lwabantu abakhangela amacebo okukhusela uluntu malube lelona khubalo elinokuthi lisetyenziswe ukulwa ulwaphulo-mthetho.
Ngexesha lomzabalazo, bekulula ukuqaphela umntu ongubholele ecaleni, okanye ongahambi nabanye abantu. Bekumiselwa iikomiti ezijongene nesitalato ngasinye ukuze kuhlale kufumaneka ulwazi ngabo bakrokrelwa ngonyawo lwemfene.
Amaqonga asekuhlaleni esipolisa asungulwa kanye ngeli xesha ngeenjongo zokusebenzisana phakathi kwamapolisa noluntu. Owayesakuba nguMongameli welizwe, uJacob Zuma, uthethe into ebaluleke kakhulu ukulwa ulwaphulo-mthetho kwiintsiku eziphambi kolonyulo.
Uthe makuthathwe onke amadodana namantombazana ahlala ezilalini nasezilokishini athunyelwe ezinkampini zomkhosi okanye aye kuqeqeshelwa ubujoni nobupolisa. Uhambise wathi kumele ukuba bafundiswe ngoxanduva lomntu ngamnye kwikhaya lakhe, ekuhlaleni nakwisizwe ngokubanzi.
Abantu abophula umthetho lulutsha oludinga umsebenzi ngenxa yoko bazibone bebhenela kulwaphulo-mthetho. Baninzi kakhulu aba bantwana kwaye ukuqeshwa kwabo emapoliseni nasemkhosini kungenza igalelo elihle ngaphandle kwamathandabuzo.
Kwelinye icala, abantu abaphehla ulwaphulo-mthetho bahlala phakathi kwabantu, bahamba iintlanganiso, bamamela zonke iincoko neendaba zoluntu. Oku kuthetha ukuba kubaluleke ngamandla ukumanyana kwabantu ekuhlaleni, abantu bazane, kulandelwe wonke umntu ekuhlaleni. Ofikayo nohambayo aziwe yikomiti yokuhlala.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo