Amava am okukhenketha eMpuma Koloni

Abantu abakhwele amahashe eKei Mouth. Umfanekiso: Bheki Radebe

Ndibe nethuba lokulijikeleza iphondo leMpuma Koloni kule minyaka mihlanu idlulileyo, ndibone amacala alo alungileyo nangalunganga, kodwa ndisenezimvo neengcinga eziphikisanayo ngalo.

Kukho ithuba lokuba iphondo libekwe phakathi kwezona ndawo zihamba phambili ngohambo.

Khawube nomfanekiso-ngqondweni uvuka ecaleni koLwandlekazi lwaseIndiya olufudumeleyo kwaye ubone ubuhle bokukhanya kwegolide okubonakaliswa okwesipili elwandle oko kungamava akanye ebomini abonelelwa lunxweme. Nokuba useSajonisi, eChintsa, eMonti, ePort Alfred, eGqeberha, okanye usePort Edward okanye eMbotyi eLusikisiki, njalo njalo.

Indawo ekuchithelwa kuyo iiholide iMpekweni Beach Resort ePort Alfred. Umfanekiso: Bheki Radebe

Uya kumangaliswa ngamava akuyo yonke indawo; umntu ngamnye odibana naye wahlukile kwaye uya kunika imbono ekhethekileyo okanye umoya ochaza umoya waloo ndawo.

Ungaya kwiindawo ezikude nolwandle, iindawo ezizimele phakathi kweentaba ezishushu okanye ezibandayo okanye ezisithele ematyholweni, abantu odibana nabo apho bangumfanekiso waloo ndawo.

Njengomntu osuka kwelinye iphondo, ndeza ndinoloyiko lokungamkeleki ngenxa yokuthetha olunye ulwimi olunamasiko nezithethe zalo.

Indawo ekuchithelwa kuyo iiholide iMpekweni Beach Resort ePort Alfred. Umfanekiso: Bheki Radebe

Okothusayo kukuba, kwikona nganye yeMpuma Koloni ndidibane nabantu abamkelayo, abanobubele, nabanembeko, ingakumbi emaphandleni.

Ndikhumbula ndidlala ibhola ekhatywayo kunxweme lolwandle lwaseIndiya nabahlali ngoxa sasityelele, yaye basinika imbali yaloo mmandla. Abanye babo babengabuboni nobuhle bendawo abakuyo, kuba bachitha ubomi babo bonke apho yaye balambele ubomi esifuna ukubushiya kwiidolophu ezinkulu.

Idama laseGrinika eMdantsane, eMonti. Umfanekiso: Bheki Radebe

Nokuba uphi na ephondweni, uya kufumana abantu abaneentliziyo ezifudumeleyo, njengabantu bedolophu encinane efihlakale kwicala laseNtshona leMpuma Koloni – idolophu encinci ebizwa ngokuba yiSteytlerville – kunqabile ukufumana abantu abakubulisa ngoncumo kwaye bade baphakamise nesandla, ngelixa uqhuba edolophini.

Abantu bephondo bathobekile kwaye babonisa zonke iimpawu zobuntu. Ubuhle beli phondo lubanzi, njengeeNgxangxasi zaseTsitsa kuQumbu, neeNgxangxasi zaseMagwa zisehla ngokuzolileyo, iiNtaba zaseDrunkensberg zigqunywe likhephu eBarkly East. Okanye iHogsback enamaza olwandle lwaseIndiya akunika impepho entsha kunye nethuba lokubona amahlengesi kunye noonombombiya eGqeberha, kunye namatyholo aseAddo akunika ithuba lokubukela iindlovu.

Iindlovu zaseAddo Elephant National Park eGqeberha. Umfanekiso: Bheki Radebe

Kodwa eyona ngxaki inkulu enokuthi ibeke isithunzi kwaye ibambe ishishini lezokhenketho ekufikeleleni kwisakhono salo esipheleleyo lulawulo olulambathayo ngurhulumente wephondo. Sele kuyiminyaka engama30 urhulumente okhoyo wathatha iintambo kurhulumente wocalucalulo. Kungoku nje, iMpuma Koloni ijongene nemingeni efana neziseko ezingundoqo ezingezizo. Iindlela ezingalungiswanga ngokufanelekileyo kodwa kulindeleke ukuba zithathe abakhenkethi zibase kwezona ndawo zibalaseleyo ekumele ukuba zibubuso bephondo.

Umlawuli olawulayo weUncuthu Tours, uSiseko Yelani, nobedala ekhuthaza ukhenketho eMpuma Koloni ixesha elide uthe, iMpuma Koloni njengendawo yabakhenkethi eMzantsi Afrika ijongene nemingeni efana neziseko zophuhliso ezimbi, iindlela, iibhulorho, uqhagamshelo nolwaphulomthetho kwiindawo ezithile zeli phondo kwakunye nokonakala nokungakhathalelwa kakuhle kweendawo ezithile.

Abantu abakhwele izithuthuthu ezaziwa ngokuba ziiquad bikes eMonti. Umfanekiso: Bheki Radebe

Ethetha ngeziganeko ezixeliweyo zokuxhwilwa kwabakhenkethi kweli phondo uthe: “Oku kufuneka kuthathelwe ingqalelo ngakumbi, njengokuthunyelwa kwabasebenzi abaninzi bokhuseleko kwezi ndawo zixhalabisayo, kunye nokujikeleza kwemihla ngemihla ngabomthetho kunye nokugqogqa okungacwangciswanga kwiimoto kwezi ndawo.

“Ulwaphulomthetho lube nefuthe elibi kukhenketho lwaseMpuma Koloni njengoko siye sabona iihambo ezimbalwa zirhoxiswa”, wongeze watsho uMnu. Yelani.

Iingonyama ezimhlophe ePumba Game Reserve eMakhanda. Umfanekiso: Bheki Radebe

Umnu. Yelani, obedala ekhuthaza ukhenketho lwaselokishini, uthe ukhenketho lwaselokishini lunika into enokonwatyelwa nangabemi boMzantsi Afrika.

“Ngandlela ithile besizibandeza into ebesicinga ukuba ukhenketho lwaselokishini lubandakanya ukutyelela iindawo zembali nezamafa kuphela, kodwa ke ukhenketho lwaselokishini yethu apha eMdantsane silwenza ngokwahlukileyo kunezinye iilokishi,” utshilo uMnu. Yelani.

Isakhiwo iBig Pineapple eBathurst ngasePort Alfred. Umfanekiso: Bheki Radebe

Iichalet ezintathu eBaviaanskloof Leopard Trail eBaviaanskloof. Umfanekiso: Bheki Radebe

Ukuvunwa kweti eMagwa Tea Estate eLusikisiki. Umfanekiso: Bheki Radebe

Iintaba zaseRhodes kufuphi neBarkly East. Umfanekiso: Bheki Radebe

Umlambo uMzimvubu eSajonisi. Umfanekiso: Bheki Radebe

Iigusha endleleni eRhodes. Umfanekiso: Bheki Radebe