Asinto ubulumko benkohliso

Imfundiso ekungakuhle ukuba ingene kubantwana bethu yethi impumelelo asinto ifumaneka lula koko iyasetyenzelwa. 

Ukuba besisiva sisakuxelelwa ukuba iindlela ezimfutshane zineengxaki zazo, besiyakugqala ukuzisebenzisa kwethu. Ulwaphulomthetho aluzange lwabhatala koko lwabasoloko lunyendula iinyembezi.

 Ke ubulumko benkohliso busoloko bunendlela yokuziveza. Izinto ezibayimfihlelo nezakhelwa ukuphamba abantu zizihluba ngokwazo. Ndiwathande ke namazwi kaR.M. Tshaka athi, “Ofun’ ukukhatshwa, mgqale umlumkele.” Yima, apha ndiphethe incwadi ethi, Law’ ilahle. Le yincwadi eluhlobo ledrama neyabhalwa nguA.M. Mmango. 

Yathi yafumana upapashwa okokuqala phaya ngomnyaka ka1960 ngabakwaLovedale Press. Umbhali kule ncwadi usebenzisa umlinganiswa onguSidima ukusilumkisa. Lo Sidima ngunyana kaNkatha omkhulu nowayesisabhoja engamameli mntu. Wayezingela ubutyebi amazwi kayise okumlumkisa wayewabona eyimfeketho. Akutshiwo na kanene ukuba izwi lomntu omdala alidliwa nja? 

Loo mazwi omntu omkhulu nawayesoloko ephuma iinkephunkephu zamazwi obulumko ayethiwe yiba bubunyulu. USidima wabarhwebeshela ngempumelelo nabaninawa bakhe kumshimbilili wokuzuza imali ngendlela mnyama.

Odela iziyalo soloko waxakeka, kwabanjalo kanye kuSidima nabananiwa bakhe. Uyise uNkatha wade wabe uyawunabela uqaqaqa ekhalimela ukuphutha kwendlela ababeziphethe ngayo oonyana bakhe. 

USizo noZiki babesithi sebewathobela loo mazwi kayise, suke aheshwe nguSidima umkhuluwa wabo. Umf’ omkhulu wayengazimiselanga kubila asebenze nzima ukuzuza ubutyebi koko ezigwagwisa ngokuhlakanipha. Wayebajonga abo babila besoma besebenza ababone ubuyatha. Mini uSidima weza neqhinga lobuqhetseba kubaninawa bakhe ooSizo bafuna ukuqinisekiswa ngokukhuseleka kwelo qhinga. Yithi ke lisakuvuthwa iqhinga labo benjenjeya ukuya kuQumbu beyishiya iMatlosana abakhulele kuyo.

 Le ntlondi yabo yayiyeyokuba barhunywe ngabantu belo lasemaMpondomiseni. Oonkabi bazenza amaxhwele bezibiza ngokuba ngabaNyibilikisi. Babewaguqule namagama abo ukukhawulelana nalo mkhuba wabo. Kwekhu! Uthini ukuwagxeka amaMpondomise abuthabathayo obo buqholo bengcuka. Andithi nentaka ithiyiselwa ngomnyiki. 

AmaAfrika ayaziwa ngeenkolelo yaye akukho nto asondelene nayo njenjendalo nangafuniyo ukuyiqumbisa. Intsha ke le yokubonakala ukuba abona bantu bayikhathaleleyo indalo ngabamhlophe. Bafika abafo bakaNkatha besithi kukho ilahle elizakuwela apho kwelo lasemaMpondomiseni, noko ke baxela ukuba bangayilungisa loo nto ingenzeki ze emva koko barhunywe.

 Yho, ungancama tana! Akungoku oorhunta basirhurhuthayo. Elo lahle babesithi lizawa yabangabo abaliwisayo kulowo ubonakalisa ukubachasa. Babembulala besakugqiba batshise loo ndlu yakhe ngobusuku, libe liwile ngolo hlobo ilahle. Ithamsanqa eliza ngeenyebezi alizange lelanywa. Babulalana bodwa abafo bakaNkatha besakurhunywa ngomsebenzi wokukhohlisa kwabo. 

Ke mhlawumbi abanye babantu esibabona bemana ukunyomfela ukuhamba ngamaxhoba ezi ndlela zimfutshane. Ancome ithamsanqa lakhe yena ummelwana wam oseyehamba ngesitulo esinamavili. Woselwa emva kokohlwaywa ebhadwe kuloo mkhuba wakhe wobukromkrom noburhovu bokukhuthuza abantu. Suka! Elinjalo ithamsanqa andilifuni. Ndimkile!