Asiyo Transkayi, yintoni?

Umzi kabawo ukuTsolo, kuNgcengane eMdilingweni
kuJusefu; ndazalwa ndondlelwa khona. Emva kweminya sifumane idemokhrasi wafakwa
eDyoki (Ugie) lo mmandla wakuthi, uneminye efana neCembu neGqaqhala. IMbidlana
phesheya kweGqaqhala, uMcwangele phesheya kweNkxu ngaphezulu ukugugutha ke wonke
la mmandla wanikwa amaMfengu ngamaMpondomise, ezo ziphaluka zaya kuphoswa
eNqanqarhu (Maclear/Makilele). YayinguTsolo wonke ke lo ndimbalulayo, ekwasuka ngabumini
kwasa ezi ndawo sezibizwa ngazidolophi zimbi. Zininzi ke iindawo ezehliwe yile
mo kweli lizwe lethu, kusithiwa kulungiswa iimpazamo zangaphambili nendingaziyo
ukuba zilungile na ke ngokwenjenjalo.

Iyasixakekisa ke thina matyathangubo le mo, ukuthi
uzazi ukuba ungowaphi kusuke kufike umntu ongazange wambona nasemdudweni athi
ungowandawo yimbi, kufuneke ukuba nawe yamkela leyo nto ithethwa ngulo mntu.
Iphambene leyo nto! Kutheni sendixelwa mntu wumbi ukuba ndingowaphi? Andizazi?
IDyoki le kuthiwa singabakuyo namhlanje sikhula ingummandla omiwe ngamaBhulu
emfuyo nawokulima. Kwakungekho zilali zibalelwa phantsi kwayo. INqanqarhu yayikwanjalo
ke nayo, imiwe ngamaBhulu. Abantsundu bale mimandla babengabakuTsolo. UTsolo
yayiyidolophu yabantsundu kuphela. Abalungu kuTsolo yayingabefundisi ababeze
ngemicimbi yeetyalike, koomaNgcolosi phaya. Kwakungekho bambi ke.

AbaNtsundu baseDyoki yayingamaqheya (abaqeshwa
bamaBhulu afuyayo nalimayo) awayekwabizwa ngokuba ngamalose.
Sasibangcungcuthekisa ngokubagxeka ke abo bantu, sibaxambulisela ubuxelegu
bokuba bengenamizi bexhomekeke ekukhongezweni imixhesho ngamaBhulu awayesile
nawayesuka ababuthe ayo kubabeka ecaleni kwendlela ngobusuku mhla abagxothayo.
Sasibancoma ubufede ke ukuthi bakugqiba ukubabadala bahlalele ukuzenza
amakhwenkwana amaBhulu, besenga iinkomo zawo, baluse imfuyo yawo, beqeqebulana
amasimi awo. Yayibubufede ke kuthi leyo nto, singasiboni isizathu
sokuzixhaphazisa kwabo. Bona ke babesibiza ngokuba singabantu basekafile;
besithi kusekafile ezilalini. Leyo nkcaza babeyithatha kumaBhulu abo, ayesithi
kusekafile kwindawo emiwe ngabantsundu bodwa, bazizikhwenene ke nabo bathi
singabasekafile.

Uninzi lwethu bengubo kuNgcengane, ingakumbi phaya
kuthi eMdilingweni kuJusefu, asikayamkeli into yokubizwa ngokuba
singabaseDyoki. Sisazibiza ngokuba singabakuTsolo. Sisonyeliso kuthi ukusuka
kuse sesizibizwa ngendawo esasiyincoma ukwenza ubantu bakuthi amaxelegu, indawo
yobulose nobuqheya. Imizi yoobawo isekwezaa ndawo yayikuzo, neminyango isajonge
empuma. Sisengalaa MaMpondomse sasizelwe singawo, uyiyeke indlele esele siphila
yona ngenxa yemihla eyafikayo. Yintoni ke eguqukileyo?

Asihoyanga ukumazi nalowo mntu wazithathela
isigqibo sokuba asibize ngandawo yimbi, thina siyazazi ukuba singabaphi. Ngokusingise
kwiziko leenkonzo zikarhulumente siya kule ndawo kuthiwa leyo nto siyifunayo
ifumaneka kuyo ngelo xesha, yaseDyoki okanye eKhowa okanye eNqanqarhu okanye
kuTsolo okanye eMthatha, siyaya.

Le nto iyafana nje nale yemida yengcinezelo,
oomaSiskayi noomaTranskayi noomaBhoda noomaRiphabhliki; abantu bamathidala
ukuzibiza ngale mida, ingakumbi oweTranskayi noweSiskayi. Ke mna andinasazela
santo ukuthi ndingowaseTranskayi, enokuba omnye umntu uva njani na. Kambe ke
kwakuthi apha kulula ukuthi singabaPhesheya kweNciba, ndingazi kwahluke ngani
na ke ekuthini singabaseTranskayi. Eli gama lithi “Transkayi” lithi “Pheshaya
kweNciba” ngesiXhosa. Lo mlambo afika awubiza iKei amaBhulu yiNciba elona gama
lawo, siphesheya kwaloo Nciba ke thina bakoomaTsolo, ze abakooMamonti
babekuMneno Nciba. Buphi ke ububi ekuchazeni ngolo hlobo?

Ngoosopolitiki ke aba basikhomba apho singayi
khona. Abanyali ukusikhomba indima esingayiboniyo, bathi yeyabo. Kulungise
ntoni kuthi singabaseDyoki? Ukuthi singabaseTranskayi kona ntoni xa kantsi
asinyali ukuthi singabaPhesheya kweNciba? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.