Wenzani uMkomishinala wamaPolisa wethu apha eMpuma Koloni? Bekufanele ukuba impendulo lilizwi elinye elithi ngumkhuseli woluNtu. Ndibuza umbuzo ngoba azivakali tu izingqi zakhe uNjengele Nomthetheleli Mene. Ukuba ungaya endaweni enabantu abaninzi, ubabuze inkokeli yamaPolisa kwiphondo leMpuma Koloni, ndiqinisekile bangathi nguNjengele Nhlanhla Mkhwanazi wephondo laKwaZulu-Natal ngoba ngoyena osebenzayo futhi obonakalayo ebantwini.
Ukusukela oko kuqale lo nyaka, iMpuma Koloni isoloko isematheni ngenxa yeziganeko zolwaphulomthetho. Ndagqibela ukumbona uNjengele Mene kwiintsuku zolonyulo kwinyanga kaCanzibe siseMonti kwiziko lika-IEC. Wathetha neentatheli awayezixelela ukuba ulonyulo luhambe ngaphandle kweengxaki. Nangona kwakukho uloyiko lodushe emva kweentshukumo zoonoTeksi kwiindawo ezifana noMthatha – kodwa zange kubekho ngxaki.
Zibekhona iingxaki eziqatseleyo emva kolonyulo. Abantu babulewe kwadlanga nento yokurhafiswa koosomashishini ngootsotsi okwenzeke kakhulu eMthatha naseGqeberha. Ukuvalwa kwesikolo eMandela Park, eMthatha, ngamatshijolo afana noMareke ongasekhoyo washukimisa iKumkani yabaThembu, uZwelibanzi, owaya ngqo wathi makufundwe ngabantwana.
Nakubeni kwenzeka izinto ezininzi ezibangele unxunguphalo ebantwini, uMene ebengabonakali. IMpuma Koloni sisigqubu samasela nezigebenga ngenxa yamapolisa angawenzi kakuhle umsebenzi wawo. Yonke lo nto iqala phaya kuye uMkomishinala. Ayibonakali into ayenzayo. Njengokuba wafungayo wathi uza kusikhusela, sifuna athethe nabantu asiqinisekise ukuba uza kuyenza la nto ikumgaqosiseko woMzantsi Afrika.
Abantu baseMpuma Koloni bavuswe ngeendaba zokubulawa kweshumi elinesixhenxe labantu eLusikisiki ngentseni yoMgqibelo odlulileyo. UNjengele uMene noMphathiswa uSenzo Mchunu bebedibene entlanganisweni neenkokeli zephondo eGqeberha. Bayokufika eLusikisiki ngentsasa yangoLwesibini.
Isithwakumbe sokubulawa kwabantu khange sibothuse noxa bevayo ngaso. Baqhele ukubulawa abantu kweli lizwe – kodwa inomahluko into yaseLusikisiki. Okusikhwankqisileyo thina kukuva iinkokeli zabantu noMene ukuba zithumele oosodolophi ukuba bayokufika eNgobozana. Zihlala njani iinkokeli ziyivile intlekele eyenzeke eLusikisiki eyaziwayo ngokubugebenga?
Njengokuba uMene enomsebenzi wokukhusela abantu baseMpuma Koloni, nguye ekufanele aqinisekise ukuba abophulimthetho bayabanjwa bade batshutshiswe. Iza kwenzeka njani lo nto engabonakalisi nkathalo. Ayikho into ethi uNjengele uMene uyayazi into ayenzayo. UMkhwanazi ujongene neengxaki njengaye – kodwa uyabacacisela abantu baKwaZulu-Natal into eyenziwa ngamaPolisa.
Lo wethu ingathi wazibona esesikhundleni. Abantu baphethwe mbengwana zizigebenga, kwelinye icala kukho amaPolisa angawenzi ngokwaneleyo umsebenzi. Kunjalo ngoba uMene neeNkumanda eziphethe izikhululo zamaPolisa aziwenzi kakuhle umsebenzi wokukhusela abantu. Okwenzekayo ngoku, kubonakala ngathi kuxhokonxwa nguMchunu ongazukuphumelela xa yena engayenzi indima yakhe njengenkokeli enikwe uxanduva.
Umrhanelwa obefunwa ubulawe ngamapolisa