Inqanaba lokuthanjiswa komkhwetha xa eligqibile isiko lokwaluka linqanaba elibaluleke kakhulu. AmaXhosa akholelwa ukuba indoda ethunywa umsebenzi wokuthambisa ikrwala kumele ukuba wenziwe yindoda enengqondo, echubekileyo nenemisebenzi ebonakalayo.
Ukuba indoda ayinawo umzi ewakhe ngezandla zayo, ayibalwa ukuba ingaqaba umkhwetha ophuma esuthwini amafutha obudoda.
Xa ke sisithi indoda ehlala kuveza sixela indoda engazange iwakhe umzi koko izibone sele ihlala kwindlu yesiphiwo.
IsiNtu sikhuthaza ukuba indoda ibile ibunzi izenzele umzi wayo ukuze iwukhombe isithi kukwayo, ngamanyala wedemokhrasi la wamadoda aphiwa imizi.
Ngoko ke indoda ehlala kwindawo eyiphiwe ngurhulumente akumele ukuba isetyenziswe ukuthambisa umkhwetha kuba ayinantsebenzo.
Kuthiwa lo mntwana kufuneka athanjiswe yindoda enomzila wokusebenza, ukomelela nokumela iinzingo zobomi. Indoda ehlonitshiweyo ngenxa yemisebenzi, indoda enesidima engumzekelo ekhayeni layo nakwintlalo ngoku njalo.
Kwenzelwa ukuba le ndoda yosulele lo mntwana ngayo yonke into elungileyo eyambathiswe yona ngokwendalo yayo.
Ngenxa yokuswela amadoda ke, amakhaya ancame abhenele kumadoda akhoyo ekuhlaleni nokuba awanazimpawu zifanelekileyo.
AmaXhosa ungaweva esithi ufuze indoda eyamthambisayo ingakumbi xa kubonwa impumelelo kulo mntwana, iintsikelelo, ukuzinza kwengqondo nezinye ke izinto.
Ethetha ngokuthanjiswa komkhwetha, uNkosi Ngangomhlaba Mathanzim uthi, kumaxesha akudala inkwenkwe yayithanjiswa yiNkosi yendawo leyo. Uhambisa athi, iNkosi ibinikwa eli gunya kuba ibonwa ukuba nayo ixakathe iimpawu ezifanelekileyo kuba kucingelwa ikamva lalo mntwana uthanjiswayo.
Aqalile ukungena esuthwini amakhwenkwe, aza kuphuma kufuneke abantu bokuthambisa aba bantwana ngokubasikelela.
Bambi bathi xa bethetha olu lubhabhatizo oluwelisa lo mntwana lumsusa ebuntwaneni limthumela kwinqanaba elingasentla lobudoda.
Ukuphiwa indlu ngurhulumente luphawu olungeluhle kumntu oyindoda, kuba akabonakali enokuzimela okanye enokumela ikhaya okanye isizwe.
Kumaxesha angaphambili, inkwenkwe ibithanjiswa yindoda endala yekhaya okanye indoda etyunjwa ngusokhaya okanye amadoda ekhaya.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party