Bakuhlala bezizinhanha kunathi!

Xa kusondela inyanga kawayidyiwaza, inyanga yokugxalathelana ezivenkileni zokutya neempahla kulungiselelwa iziyunguma zeKrisimesi, inyanga kaDisemba, inyanga yoMnga eyambethwe ziingozi zezithuthi ezindleleni, ngozi ezo zisuba imiphefumlo yamawethu, kuwe omncinci nomdala ukufa kungakhethi, mandiqale ngokunicenga ukuba maze niqaphele ezindleleni, ninciphise ukuqhuba ngobusuku kuba kakade ixesha lobusuku lelokulala, hayi ukuhla ninyuka ezindleleni, kodwa ngaphezu kwako konke mawethu, maze niqaphele indlela eniza kuchitha ngayo imali kweli lixa leziyunguma.

Ixesha elininzi kule nyanga yoMnga kuchithwa imali kangangokuba kuthi kuqala unyaka ozayo, ibe imizi yoomatshonisa nesebenza ngemali-mboleko igcwele iphuphuma.

Bambi baboleka imali yokutya okuza kubagcina kude kuphele inyanga yoMqungu, bambi baboleka imali yokuthenga iyunifomu neencwadi zesikolo, bambi bade baboleke nemali le yokuya emisebenzini, kuba nayo ityiwe akwasala nepeni emdaka koovimba abasezibhankini.

Eyona nto imangalisayo kule nto, yeyokuba uninzi lweevenkile ekuthengwa kuzo iimpahla, ukutya, utywala nezi moto sihlala sizithengela uDisemba ukuze sizibuyisele kwiindawo ebesizithenga kuzo ngoJanyuwari, ezo venkile zezabantu basemzini.

Le mali siyichitha kwiivenkile zasemzini xa ndijongile ibuyela kubaniniyo, kuba kakade ikwangaba baqesha uninzi lwethu njengabasebenzi babo.

Oku kuzalisekisa uluvo lwam lokuba imali esetyenzelwe komnye umntu iphelela ezandleni, ayinakuze ifane nemali oyizuza ngokubila kwakho, engamandla akho, ngeli lixa uziphilelayo ungaqeshwanga mntu.

Abantu basemzini xa bechitha imali kwiivenkile zempahla, ezokutya nezobhelu lomsele, bachitha imali yamashishini abo nemizimveliso yabo, hayi imali abayisebenzele mntwini.

Xa bechitha le mali, bayazi ukuba yimali engakanani abamele ukuyichitha, ibe yimalini eza kushiyeka koovimba babo, kwaye xa bechitha imali, uninzi lwabo aluyisi kwizinto ezidulu nezinamagama amakhulu.

Mna mntu usebenza kufuphi nedolophu yaseKapa, dolophu leyo inemizimveliso yempahla ethengiswa ngamaxabiso aphantsi, ndihlala ndigilana nabantu basemzini kwezi venkile zithengisa ngamaxabiso aphantsi kwaye bangena bephuma kuzo ngobuninzi babo.

Ngeli lixa abantu basemzini bethenga kwezi venkile zempahla zinamaxabiso aphantsi, abantu bakuthi, abantu abantsundu abangakhethi kukuba ziziqondandleko ngoku uninzi lwethu lungamahlwempu aphila ngomabona-ndenzile, banqabe okwezinyo lenkuku kwezi venkile ezinamaxabiso aphantsi.

Abantu bakuthi bathengela abantwana babo iimpahla koo-La coste; Spitz; Uzzi; Gucci; DH; Earth Child nezinye ezinamaxabiso aphezulu kakhulu.

Nasezimotweni, ufika umzi wakowethu uchitha imali ngokungathethekiyo, ngeli lixa abantu basemzini bebonakala bethenga iimoto ezinamagama amakhulu babe benezindlu zikanokutsho, benemihlaba, kwaye benoovimba abaphuphumayo abagcina kubo imali.

Akukho nto indihlupha ngaphezu kokuba uninzi lwethu madoda angamaXhosa, ndiyawakhupha amanina kuba wona ahlala eqala ngokulungisa amakhaya, kanti thina madoda ebekufanele sidlala indima ephambili ekwakheni imizekelo emihle, sisuka singaboni nto igwenxa ekubeni simise izithuthi zethu zooMercedes Benz; BMW; Audi; Porsche nezinye phambi kwamakhaya akhiwe ayimikhukhu namanqugwala awayo.

Konke oku sikwenza sikhuphisana ngezinxibo nangeemoto esiziqhubayo, silibale ukuba ekugqibeleni sichitha imali ebekumele siyongela ikamva labantwana bethu.

Sithi sakugqiba ukungayongi imali, sifune ukondliwa kwazezi ntsana zethu mhla zasebenza, side loo nto ibubuyatha siyibize ngelithi yiBlack Tax. AsiyoBlack Tax, kukuxhaphaza iintsana zethu kwaye sixhaphaza namathuba okuphuhla kwazo ngokoqoqosho xa sele zisebenza.

Uhlanga lwasemzini lwakuhlala luphucukile kunathi kwaye oku lukwenza ngokuthenga ngcathu, lukwenza ngokuqala ngemihlaba nezindlu endaweni yeempahla ezixabisayo neemoto ezinamagama aphezulu.

Masiyiyeke le nto ithi abantu basemzini bazizityebi kuba baxhamla ngexesha lengcinezelo, akucinezelwanga mntu ngoku, koko ndibona bambi kuthi bengamaxhoba okucinezeleka nokungakhululeki ngokwasezingqondweni.

Abantakwethu abasuka kumanye amazwe aseAfrika bafika kweli lizwe beziimbacu, kodwa ithi iphela iminyaka emihlanu sibe sesithenga kwiivenkile zabo ngetyala.

Masicinge sisebenzise ingqondo mawethu kungenjalo ikamva labantwana bethu limfiliba. Sikhe siwubekele bucala nalo monandini usibulalayo.

Kwakwesa sithuba sika1925, kwincwadi ethi “Izala”, kumbongo osihloko sithi “Igqala,” ubawo uJohn Solilo xa wayebona ukuchitha kwethu ngokugqithisileyo, wasilumkisa ngelithi:

Yiya kumlung`ucel`icebo;

Umlungu wahlal`esilwa namabhong`entliziyo;

Wahlal`esilwa neminqwen`emibi;

Uzithath`into zonke ngokufanel`ixesha;

Bon`abelungu baba nomlinganiselo;

Batheng`imvatho kuyalinganiselwa;

Batheng`ukutya balinganisele;

Abaphathi nayiphi na bengalinganiseli!

Ziyatshab`izizwe zakuhlala nomlungu;

Zingamqondi, zingamfundi;

Zifun`okomlungu zingalinganiseli;

Zikhokelwe yiminqweno zingalinganiseli;

Zibon`amabulawo nokuthakathwa

Kanti zizibulala ngokwazo;

Ncedani nizilinganisele xa nithengayo;

Ndibuze zingakanani * `ezosala ngasemva!