Ukuba eli lizwe belisenazo iiKumkani neeNkosi, ngekusele kwathathwa isigqibo esiphucukileyo ngesiko lokwaluka eliqhubeka libulala ikamva lelizwe – abantwana.
Aba bantwana baphuma kumakhaya anethemba ngabo ukuba ngenye imini boze batshintshe izinto emakhayeni abo.
Kodwa ngenxa yokusilela kweeKumkani neeNkosi, bayabhubha abantwana zithule ezi nkokheli zikhokele abantu. Ulawulo lwesininzi libangele iingxaki ezikhokelele, phakathi kwezinye iizinto, ukubhubha kwabakhwetha.
Kaloku iiKumkani neeNkosi zinegunya lokuvakalisa umbono wazo kwaye ziqalise ukuwenza kwiindawo ezizikhokeleyo.
Ezangoku iiKumkani neeNkosi azikwazi kuthatha izigqibo ezizweni njengoKumkani uFaku noKumkani uShaka.
Ezi Kumkani neeNkosi zibotshwe izandla neenyawo kuba ziphila ngemirholo ekumele ukuba ziyicenge kurhulumente nokuba akenzi kakuhle.
Akumele ukuba ngurhulumente okhokele isiko lokwaluka, kodwa ziiKumkani neeNkosi ekumele ukuba zinika umkhombandlela kurhulumente ophetheyo. Ngaphandle kokuba zisoyikisela ukulahlekelwa yimirholo, iinkokheli zemveli zeli xesha zilawula ngezimvo zemibutho yezopolitiko efana neANC.
Kwazona zilawula izizwe zooyisemkhulu zincwase izikhundla kwimibutho yezopolitiko, lonto yenze ukuba zingakwazi kumisa nokumela inyani. Xa kumele ukuba zithatha izigqibo, ezi nkokheli zinyanzeleka ukuba zihambise phambili uluvo lwemibutho yezopolitiko.
Ukuba ziyasilela ezi nkokheli zemveli ukulandela nokuhlonipha izimvo zemibutho yezopolitiko, zibonwa njengobholela ecaleni.
Kukwahlukana nemirholo karhulumente okunokwenza ukuba iiKumkani neeNkosi zikwazi ukumela amasiko nezithethe ngokukuko. IiKumkani neeNkosi mazahlukane nemibutho yezopolitiko nezimvo ezisekelezelwe kwimibutho yezopolitiko.
UNkosi Nonkonyana wenze umkhwazo wokuba kumiswe isiko lokwaluko logama kuza kuba kukhangelwa isisombululo sexesha elide kwingxaki yokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.
Ayikho nenye iKumkani okanye iNkosi ekhe yaveza izimvo zayo ngalo mcimbi. Oku kwenza ukuba ubani acinge ukuba ngenene ezi Kumkani neeNkosi azinaluvo okanye azikhathali ngengxaki yokubhubha kwabakhwetha.
Kwizizwe ezineenkokheli zemveli, kuyaxoxwa ngezinto ezinje, zikhokele iinkokheli ngokuza nesisombululo esijoliswe ukunceda isizwe.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!