UMmelwane wam uMncedisi usesinye nje isidalwa esindichaza kakhulu yazi.
Intsokolo nokuswela kwethu kwelizwe iye izale amaqhinga namacebo, mandithi umntu ulala neqhinga ze avuke necebo. Yiva ke Mlesi:
“Andifuni kuhlawulwa mna qha, ndiyanceda nje.”
Atsho owam ummelwana ebala iimbovane ezingekhoyo emgangathweni, mna ke akandilimazi kakhulu kuba noko lide ithuba ndimazi ngamaqhinga kwaye ndisazana naye. Kuba mna ndiyazi ukuba emveni kokuba endincedile ndiza kubona ngaye eme esangweni kwam etsho ngoncumo olugoso.
“Mheza aninayo into ebandayo yokusela?”
Nguye ke lowo kuba womana esithi gqi ezokunkinkqa nokuba yintoni enkinkqekayo apha ekhaya, ungalibali ke ukuba le ndoda yiyo le ethi iyanceda nje ayifuni ntlawulo konke konke.
Liyinene yena akafuni ntlawulo emva komsebenzi lowo, kodwa ke hlala phantsi ubale izinto aye wazicela, hayi uyakutsho nawe ukuba bekungcono intlawulo kunale into akruqula ngayo de yamenza izothe naye uMncedisi lo.
Abeneemini zokucela ithontsi lobisi okanye ngezinye ibe lisuntswana leswekile okanye ityuwa, naso ke isonkana okanye iqandana. Hayi kunzima kuye kuba ummelwana wam uvuthulula nentwanana yobubele bakho obuqhusheke enxilini yakho yobubele.
Xa ke elapha endlwini ungulowo ke umehlo aphithizelayo, ejonga into anoyicela, ungamva:
“Yekabani le fowuni ihleli apha?”
Emva kwempendulo leyo, uza kuyicela. Ndikuxelela ngoMncedisi mna, uya kubaneentloni wedwa ke mfundi.
Nyaka sasibeka usisi wam, hay’ wazijul’ ijacu owam ummelwana, phofu ke emva komngcwabo zaqengqeleka iintsuku kusisa elapha naxa sisozela naye abe esozela nathi, akathethi kakhulu qha uncumile, uya kumana ke ekhongozela yonke into etyiwayo neselwayo.
Okuhle ke ngaye kukuba akonqeni tu umfo lo, nawuphi umsebenzi uwubetha entloko ngobuchule de abuze omnye olandelayo. Akaxoli tu kukungasebenzi.
Akanamsebenzi kamama okanye wasebuhlanti, kuye umsebenzi ngumsebenzi, kufana nokucela kwakhe ke kumfameke nako kunjalo.
Ngalo mhla ke ndigqibezela isitiya sam, andidinwe ndiphelile, ndive nje ngokubetha kwenqina ukuba nguye, ndileqa kwigumbi lam lokulala kukudinwa. Ndizibike ke ukudinwa kuye, ukuba athi chu ecaleni kwam phofu endibuza ukuba andizofuna na ukuncediswa, ndamshiya eme yedwa apho nesitiya sam.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’