Iingxelo zokugqibela zokubhubha kwabakhwetha zithe ngabakhwetha abasibhozo ababhubhe eMpuma Koloni.
Kusenokwenzeka ukuba eli nani sele linyukile nanjengoko kufika iingxelo zokubhubha kwabakhwetha phantse yonke imihla.
Okumangalisayo kwesi isihlandlo kukuba aba bakhwetha babhubhe kwiindawo ezahlukeneyo ngokungafani nangaphambili kuba ebedla ngokubhubha eOR Tambo.
IMpuma Koloni isoloko ikhokele kwelisikizi lokubhubha kwabantwana esuthwini, kodwa iinkokheli aziboni sizathu sokwenza inguqu. Inguqu kulo naliphi isiko lenziwa ngenxa yokuba kukho izinto ezingahambelani nentlalo nabantu belo xesha.
Ukubhubha okungaka kwabantwana esuthwini sisizathu esifanelekileyo sokuba kwenziwe iinguqu kweli siko.
Inguqu kwisiko ikhokelwa ziiNkosi kwakunye namadoda eso sizwe, maxa wambi indoda ethile izenzele inguqu leyo iyifunayo emzini wayo.
Ayikho into engenziwanga nguRhulumente ukuzama ukukhusela abantwana abasesuthwini. Kuchithwa imali ezikwizigidi zeerandi minyaka le kuzanywa ukukhusela aba bantwana, kodwa konke oku kubuya nelize.
Ebusika kunyaka ophelileyo babhubhile abantwana esuthwini, nasehlotyeni ngokunjalo babhubhile abantwana esuthwini.
Imibutho efana neMbumba yamaKhosikazi akomkhulu iyasilela ukuthatha amanyathelo okukhusela abantwana. Into osuka udibane nayo kwaba mama yeyokuba isiko lokwaluka yinto yootata.
Ayiyonyani leyo, isiko lokwaluka lelotata xa lisenziwa kakuhle ngootata abakhokeleyo, xa lingahambi kakuhle yintlekele emele ukuqwalaselwa. Kutheni bethule oomama? Babukele ukuzila imihla ngemihla bezilela iintsana zabo ezibulawa ngamadoda esuthwini.
Zininzi izinto ebezinokwenziwa eziquka ukufunda kwizizwe ezifana namaHlubi nabeSuthu. Ezi zizwe ziyolusa kodwa liphantsi kakhulu izinga lokubhubha kwabantwana esuthwini.
Akudingeki mali, nazimoto ezininzi eziphithizelayo ukuze kwenziwe inguqu kweli siko, koko kudingeka iintloko zamadoda okwenene akhangele indlela eyiyo yokuphelisa ukubhubha kwabakhwetha esuthwini.
IiNkosi zixakekile zifuna izikhundla zasePalamente logama imicimbi edla umzi idinga abantu bokuyilandela.
Sisizwe ke ekumele ukuba siqalise ukuzithathela amanyathelo okuzama ukulwa isifo sokubhubha kwabakhwetha.
Yimimoya emdaka ebulala abakhwetha esuthwini, kwaye le mimoya eminye yayo ihamba namadoda aquqa esuthwini.
Xa benokwalusa ngokwamabutho aba bantwana bangakhuseleka, kuba amakhaya aza kukhangela amacebo esintu okubakhusela.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!