Enkosi Mzanti Afrika

Bendilindele iimbongi eziqavileyo zidanduluke,
Bendilindele ababhali abandwebileyo batyatyadule,
Bendilindele izithethi eziwachanayo amazwi ziqhabalake,
Aqumbile okanye aqubude ngesibom kusini na amaciko?
Nasuka nathokomba  naxel’umtshakazi,
Sinqwenela ilizwi lombulelo elibhekiswa kubemi beli,
Sifuna abantu abanephimbo elingqabavu,
Benze elolizwi kuye wonke umnyatheli weli othathe inxaxheba kulonyulo,
Intliziyo zenu mazingathinjwa nguSathana,
Ncomani xa kufanelekile nigxeke xa kunemfuneko.

Njengegagu elilithandazwe,
Nam ndityiwa sisazela,ndithunywa lingaphakathi lam,
Ndithi mandiphose abembalwa ,
Ndiquka  abavoti  nabavotelwa,
Tatalahoshe kuni banyatheli beli,
Sibonga ngazo zozibini ngenxaxheba yenu,
Bekungelulanga kwaye kungemnandanga,
Kodwa nazixhamla nazidina ,
Navotela enibavoteleyo,ilungelo lenu nilisebenzise ngokufanelekileyo 
Nazibeka  iinkokheli zenu enizithandayo nenizithembileyo,
Sibulela ukuzidina nokuzingca ngokuba ngabemi beli,

Ngethemba lokuba isikhalo somntwana sizakuhoywa,
Mathol’anyongande kudlelana,

Nangamso.

Kwabo banikwe ithuba lokutsala imixhaka,

Bulelani nidomboze khange kubelula,
Iintambo siziphosa kuni ngokusesikweni,
Sithi huntshu! ningabonyuliweyo ke ngoku,
Lixesha lokuphuma niye ebantwini,
Lixesha lokunyusa ikawusi nibhinqele phezulu,
Kusetyenzwe ngokubambisana nokuzinikela,
Imfuno zabantu ziye ebantwini ngexesha elifanelekileyo,
Banonyule ngokunithanda nokunithemba,
Ningazigwagwisi ke kuba bakuniguzula,
Kulondawo nikuyo anizibekanga nibekiwe,
Nibekelwe ukusebenza nokuphuhlisa.

Zeningazenzi iimfama nezithulu,
Nisabele xa nibizwa ngabanibizayo,
Sinakhele umkhanyo ningabhabheli phezulu anizontaka,
Ningasebenzeli iziqu nezisu zenu,
Nithobeke niyeke  ukuthalalisa xa nifunwa,
Nivumile ukusabela ubizo ,
Nafunga ukuba nithunyiwe ,
Thumekani ke xa nithunywa ,

Bathethile abantu ngevoti zabo,
Nibekiwe ngabantu beli ,
Ningazenzi amagwala nontamolukhuni ,
Iikawusi mazidlule  emadolweni ,
Lifikile ixesha lentsebenziswano,
Kusetyenzwe ngokuzinikela njengabathunywa.

Zeninganyamalali okwekhozo lomya engceni,
Nibuye nicinge umva xa kufuneka nivotelwe kwakho,
Kungalibaleki abasweleyo kondleke abahluthiyo
Kungalibaleki abasemaphandleni kunakwe abasezidolophini,
Kungalibaleki abatsha abangenamisebenzi,
Kungalityalwa iinkonde nenkondekazi ezihlala kumaxhobongwana avuzayo,
Abantwana abafundela phantsi kwemithi nezikolo ezivuku-vuku,
Xhaphakani ebantwini njengoba benixhaphakile phambi kovoto,
Iinkonzo  ezingundoqo ngumceli-mngeni,
Intswela-ngqesho enkqenkqeza phambili,
Mayibekwe esithebeni zisuka nje embhantini,
Asivotelanga kuhlupheka ngakumbi,
Sivotele uphuhliso olululo hayi intlupheko esisimanga
Xa nithunyiwe thumekani ,nisebenze ngokubambisana,
Oohlohlesakhe baqhwethelwe ecaleni,
Kuba  bayasitshabalalisa isizwe,
Bayayitshabhisa nentlangano,
NAM NDITHUNYIWE.