Aaah, Zwelibanzi! Phila ngonaphakade Madiba, Dlomo, Sopitsho, Ngqolomsila Vela bembhentsele. Ndithe mandichwetheze imiqolo embalwa emva kwesiganeko esikhulu esehle eMthatha kule veki. Kwiiveki ezigqithileyo ubuseMandela Park – apho ubukhwebe khona intlanganaso yoluntu.
Umba ophambili ibikukuvalwa kwesikolo ngabantu abanyanzelisa ukunikwa imali abathi yeyepali yenethiwekhi ekucaca ukuba isemhlabeni wesikolo. Okuthe kwagqama entethweni yakho ngethuba lentlanganiso kukuba uye wasindwa kukuxaka kwamatshijolo avimba abantwana ilungelo lokufunda naduba inzolo entlalweni yoluntu endaweni yaseMandela Park.
Konke oku kwenzeka kukho isitshingitshane esiqhubekayo sokurhafiswa kwabantu noosomashishini zizigebenza kwiindawo ezahlukeneyo eMthatha. Ukusukuma kwakho akubanga lilize. Ndithi mandiyibulele lo nto njemntu weli lizwe loMzantsi Afrika. Abantwana babuyela esikolweni ngokwelizwi owalishiyayo.
Zimbini izinto ezafunama indawo engqondweni yam owazithethayo ngala mini. Wathi akekho umntu onokuvimba abantwana imfundo. Okwesibini wathi akukho mntu oza kuduba inzolo ekuhlaleni. Konke oku kwenzeka ngexesha lokunqaba kweenkokeli mhla kukho iingxaki nangona zikhona ezopolitiko ezonyulwa ngabantu.
Ndifuna ukuthi enkosi kuwe Zwelibanzi ngokuvula indlebe xa abantwana besizwe sakho bekhaliswa yintlungu. Ndibulela ukubonisa kwakho inkathalo nokuqina ngexesha lobubi. Ayilulanga into oyenzileyo ngoba apha eMzantsi Afrika uyabulawa umntu othetha inyaniso.
Ukukhusela kwakho abantwana bakho emaxhalangeni yinto enkulu, encomekayo futhi engasoze ilityalwe. Sagqibela kudala ukuva inkokeli ithethelela abantu ngokunyaniseka okufana nokwakho. Zininzi izinto ezingabhadlanga ezithethwayo ngawe apha phandle – kodwa ndicinga ukuba ilizwe lonke likubonile ubuyisa isidima seenkokeli zemveli esafa kudala.
Umsebenzi owenziwa ngamapolisa ngoku eMthatha unikwe amandla kukusukuma kwakho. Abantu baseMandela Park bebeza kuthetha bancame baphinde bahlale entlungwini ngoba kweli lizwe kukhokele amagwala – kodwa angonqeniyo ukukhohlakalela abantu abamnyama.
Ungayeki Kumkani, izigebenga ezirhafisa abantu ngoosathana abachasene nabantu nomgaqosiseko. Bakhona abanye abeqhubela phambili nokwenza ubusathana bokubulala eli lizwe. Sidinga umntu oza kuthetha kuvakale njengawe ukuze isidima soMthatha sibuyele endaweni yaso. Enkosi Kumkani.
Izimvo zezombhali, hayi I’solezwe lesiXhosa.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8