Iimpiko zomtshato

Simphiwe Nolutshungu

Ibuhlungu kakhulu loo nto leyo kwaye ibufana nqwa nokuguqa emeveni ube uvule izandla zakho ukhongozele, ndinako kanti nokuyifanisa nokungqengqa okanye ukunabela emalahleni abomvu.

Olu ludonga oluwela kakhulu abantwana abaphakathi emtshatweni, luye lubalimaze kakhulu nobungxwelerha babo bukhwaze ngamandlakazi anganqandekiyo.

Ukwahlukana kwabo bebemanyene ngeqhina lomtshato kuzala ithanda emphefumlweni, kwaye ke kuchitha nentlantsana yethemba lokuphila ibizabalaza ifumbethe ukuphila nemfudumalo kwikhaya elo.

Ukukhwazana nokukhonkothana kwezi ntsapho zimbini, ukutsho ke kulo myeni nakulo nkosikazi nako akulokhubalo koko kuvula okanye kudala owona mlambo ungawelekiyo ngamandla.

Ukanti kanye njengabantwana aba, osisihlobo kweli khaya unyanzeleka ukuba athathe icala phakathi kwaba babini bohlukanayo. Konke ke oku kuzophula ngakumbi iimpiko zomtshato.

Iinkedema ezibazali abadla amazimba zizalwa kukwahlukana kwabo babini, ukutsho ke abazali babo.

Oku ke kuzala nokulobotha kwengqeqesho abantwana ebebekhuliswe bondlelwa kuyo ngabazali. Ngoku bayakuhamba ke bencanca imibele ngemibele yeengqeqesho, ezibandayo nezishushu ke.

Ezinye iintaka zithi ukuze ziphile bhadlileyo okanye zikhululeke kwinto yonke, oko kuye kwenzeke xa iimpiko zazo zikhululekile, kodwa ukubotshwa okanye ukuqhawulwa kwazo kuye kumise zonke iintshukumo nokuphila kwazo, ithi ke loo nto iimpiko ezi zibalulekile kwaye ziyimpilo ekuphileni.

Kulithamsanqa nentsikelelo evuzisa amathe ukukhuliswa ngabakuzalayo okanye abazali bakho ke, kuba uninzi lwabantwana alukhuli njalo koko bakhula kakubi, abanye ke ngenxa yokuqhawuka kwèempiko zomtshato wabazali babo.

Ukwakha kuthatha iminyaka evisayo kunye nemizabalazo enzima kakhulu, ikhatshwa yimibilo kunye nokusengeka kwamagazi abo bakhayo, kodwa ukuchitha kugilwa nje kona yimizuzwana kube ke kuphelile.

Ukwakha bubusuku obungenanyanga ze ukuchitha kubeyimini ezigqatsa ngelanga, kwaye ke ekwakheni abancedisi badla ngokunqongophala kodwa ekuchitheni kuza ilizwe lonke.

Ukunuka ke nomgxobhozo wako konke ke oku kuyakuthwalwa zezi ntsana zaye zabona ilanga ngenxa yobushushu bomtshato ngelo xesha.

Aba badala ke, abazali ukutsho kuye ubani akwazi ukuba ampampathe de ayokungqubeka kuthando olutsha, maxa wambi oku kuye kuzale incindi yekhala ephindeneyo, ukanti kothe wanethamsanqa kuveze iziqhamo noko ezincumisayo.

Abantwana ke bona bayakusala betyibilika ke kolo daka lunjalo, bakumana ke bebambelela bazame nokujinga kuloo mifula idlula ngendlela iya kwaNtliziyondise.

Zithi zakuqhawuka ke iimpiko zomtshato, nobomi butsho nabo bubenjalo ke ukubheka phambili.

Iinyembezi zovuyo zisuke nje ngomzuzu zizale ezobuhlungu.