Iincwadi eziya kumhleli

Red Alert buyisa abasebenzi!
Ndibhala le ncwadana ndonakele empefumlweni wam. Inkampani enguRED ALERT igxothe abantakwethu ngokungenalusini .Ndinesikhalazo
ngakulenkampani sokugxotha amalungu ethu ayi 48 ngenxa yokuba
ekhalazele ukunganikwa kwawo imali eyachazwa nguMongameli
welizwe Ramaphosa wakugqiba watyikitya eyi R20 ngeyure.
URed alert ume entla uyaphikisana nomthetho owafungelwayo
yiMongameli.
Wophule umthetho welilizwe uzimisela owakhe umthetho. URed alert
unikeze igunya kwiCentre manager okokuba igxothe wonke umsebenzi
okhalazela ukungayifumani leR20 .URed alert uxhaphaza abasebenzi
ubhatalisa uniform isilamba sakhe yiR500 isihlangu yiR400. Xa uye
wafowunela iofisi uyixelela unengxaki awuzophangela kwakusasa
uzakutsalelwa R600 kanti la mthetho uthi faka ingxelo kuselithuba
kukuthini oko.
Abasebenzi abakhululwa baye ekhefini bagqiba iminyaka bengayi.
Xa uphangele ngecawa okanye nge public holidays ezomali azibhalwa
ngokomthetho wabasebenzi zifaniswa naphakathi evekini.
Ndinesimemo apho kuni nikhuphe iintatheli zenu niyokucholalachola
iindaba ngomhla we 14 May 2019 phambi kwenkundla yamatyala
yabasebenzi eQONCE eCCMA sakube singoonogada siphelekwe
ngumbutho wethu IAFRICAN SECURITY CONGRESS ibambisene neTUSISA siyonika inxaso kumalungu ethu .
Ndinomdla wokuba sibhentsise yonke lemikhwa yenziwa nguRED
ALERT. Endimnqweno entliziyweni yam avalwe uRed alert axuthelwe
setifiketi sokusebenza. Kwanele ngoku kudala siphila kabuhlungu
ingathi asizizo inzalelwano zelilizwe likhululekileyo.
Ndiyakuvuyiswa bubukho benu phakathi kwethu lonto iyakusinika
ithemba.
Ozithobileyo, Kumkani yamaCirha  (nge-imeyili)


Asinanto eNtsizwa!
Mhlekazi obekekileyo sikwilali Mount Ayliff asinakwandlela; iimoto ziyatsalwa xa siya edolophini. Sikwilali yaseNtsizwa kubi apha abantu baya ngeenyawo edolophini. Sicela uncedo kukho nemizi engenambane; silayita amakhandlela. sisize tata. Asinamanzi kukhona nabantu abangakwazi kuzenzela nto bakwazi nokuyokha manzi, abanazi toilet kunzima.
– Umhlali
Ukubiywa kwamangcwaba
Ndikhalela ukungabiywa kwamangcwaba amadala kumzi waseMncotsho kuloGaxa. Isebe lezencubekho namasiko kwiphondo leMpuma koloni sicela lincede! 
– Umhlali, kuloGaxa
Iindlela zaseMaclear!
Ndibhala le ncwadi ndingumhlali ongayithandiyo konke konke indlela ekwenziwa ngayo kwingingqi yam iHopedale engaphantsi kwedolophu yaseMaclear xa kusenziwa inkqubo yolungiswa kweendlela. Eyona nto yenzekayo kwalungiswa icala elinye lendlela, kwindlela ezimbini ezihamba abantu abohlukeneyo abaya kwindawo ezahlukeneyo. Abantu abaneemoto bendlela esezizadonga banyanzeleke ukuba badlule kwiyadi zabantu ezingasabiywanga ukuze babe bayafikela kwimizi yabo oko xa besiya naxa bebuya emisebenzini naxa bebuya uzibuze umbuzo kengoku ukuba abantu bangabiya iyadi zabo abantu abagqitha kuzo ngexa yendlela ezingalungiswayo bangathini. Ayiphelelanga apho ingxaki yabahlali kukho itepu zamanzi ezikhoyo kodwa ugqibela kwazo usebenza ndandingu mntwana, indibhide kuba kaloku ungafaka itepu uyabona kukho isidingo samanzi kodwa akunjalo kweyethu insawo ingathi zezohombisa ilali. Amanzi asakhiwa emithonjeni emva kweminyaka eli-25 yenkululeko. Into eyenziayo kule ndima yamanzi kusifakela izindlu ezinamatanki iyitno esiyibulelayo kakhulu leyo nangona ingathi sibulela intaka ngo Bhabha, amanzi etanki ayaphela ebusika. Abantu babuyele ku ndalashe wosebenzisa amanzi asemifuleni. Sisayithetha kancinci ezitepu zisezitratweni ukuze kokhiwe ngabantu abathile, mabangohlulwa yilonto ngoba into ezokwenzeka kukuthi umzi nomzi makubekho itepu.
– Khuselo, eHopedale