Iindaba ziyamkrakrela umninizo

Andinanto ingaphaya endiyinqwenelayo xa sendichwetheza kulo matshini
ndibhala ngawo. Ke abantwana bethu kuyafuneka sibanike inkuthazo ukuze babhale,
bafunde yaye babalise. Isizwe sethu sifuna ababalisi mabali ngendlela yethu,
eqondwayo ngabantu ekubaliswa ngabo. Sidinga oomanqanqa ekudidiyeleni amabali
ngolwimi lwesiXhosa, sidinga ukukhulisa ulwimi lwethu. Ixesha lokukhala
kukhalazwa ngathi alikho, ebelikho nalo libe lilize kuba naku sisancwina.
Ukukrukrutheka ngenxa yokunganeliswa ligalelo leziphatha-mandla eburhulumenteni
akuyi kuphela. Ndisihloniphile isantya awahamba ngaso amaBhulu ukukhulisa
olwawo ulwimi. Ukuba nezethu iinkokheli bezinokunyathelela phezulu zinyaniseke
ekuphuhliseni iilwimi zesiNtu, inene le Afrika sithi yeyethu ibinokubonakala
njalo. Okwangoku yeyethu nje ngegama, akukho nalinye ilizwe elisebenzisa ulwimi
lwenkobe ngokupheleleyo kurhulumento lwawo apha emazantsi Afrika. 

Bendidlula ke kulo myalezo ungentl’ apha. Kwezi zandla ndiphethe
incwadi kaMncedi Mbambo ethi Khangelani nizibone. Le yincwadi yamabali
amafutshane neyapapashwa ngumzi wakwaVivlia Publishers & Booksellers phaya
ngonyaka ka2011. Kumabali aqulethwe yincwadi le kukho elo lithi, Ziyawoyika
umbethe. Leli bali endizakugqala okuqhubeka kulo ndilicubungule. Apha umbhali usibonisa
inxaxheba yoolwimishe kubomi bethu. Bangafane babe bayagxekwa nje, bona
bayalungisa ngathuba lithile. Asikuko nokuba ndikhuthaza intlebendwane koko
ndiphawula igalelo labo kweli bali. Kaloku iindaba ezazisetyezwa nezaqala
zangamarhe nje angabheke ndawo, zizo ezamhlalisa ngentsula enye uNomdukiso.
Usis’Duksie wayetyabekwa ngesityholo sobuhenyukazi. Tsii! Inkosikazi kasihlalo
owaziwayo wombutho iPeople’s Movement yonke ibhutywe ngesikizi elinje! Inene
kokokuthi magongoma ndigqume! Ezi ndaba nezazisezithe tshitshilili ekuhlaleni
zabakrakra nakuSuzelihasa, umyeni kaNomdukiso. Kulapha bagqiba ekufuneni loo
mntu ubasengele phantsi olo hlobo besakugqiba ukubangabantu abahloniphekileyo.

Bakhupha iintlola zabo ukuze zijoje umkhondo walowo ubanyelisileyo.
Bathi bakumfumana bamcima igama. YayinguThethinto lowo wayenwenwise ezo ndaba
zimbi ngesi sibini. Andithi kaloku uNomdukiso wayeyinkosikazi yesibini
kayisemncinci kaSuzelihasa, wathi esakusweleka watshata noSuzelihasa lo. Ke
abantu babengawuthandi lo mtshato wesi sibini kuba besithi ngumbulo. Ukanti
uNomdukiso yena wayebuyela kwisithandwa sakhe sakudala, eyeminyaka yobudala
into basuka bayiwangazelisa. Nyala lakwabani, yho! Ndingafane ndisothuka nje
yinto eyenziwa sesi sibini, yinyambalala yabantu abasemitshatweni elolu hlobo,
bambi torhwana abanalwazi. Yona into eyenziwa nguDuksie, uNomdukiso ke kuwe
seyixhaphake kakhulu kula maxesha. Ndiyabona ikho into ekuthatheni eli nyathelo
walithathayo. Kakade kuthiwa isigqibo sesesiqu, abantu bona abanakuze bayeke
ukuthetha. Mhlawumbi intombi yabona ubomi nekamva ekutshateni uSuzelihasa.
Wawunokuthini inguwe, andithi uSuzelihasa wayeyinkokheli eyinto ngobunto
ekuhlaleni. Kwowu, zikwanjalo ke nezigigaba ekukho amarhe ekuthiwa zihamba
naye. Yile nto kanye zabuza ukrozo lwemibuzo iintatheli. Ayenokufane athini na
wona amapolisa xa le inguSuzelihasa ishwamza ukuphendula ezo ntatheli?

Nithi ayenokusuka ahlale dukumfa esakugqiba ukunikwa ubungqina zezo
ndaba zingahlaliyo embetheni? Mandikhwelel ngokuthi, ulwimi olu lona lolwethu.
Ndimkile!

Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa!