Imfundo inganceda iimbethimanqindi zixhamle kushishino lamanqindi!

Sonwabo Nogqala

Kubhale uSonwabo Nogqala

Umbele wamanqindi okanye ushishino lomdlalo wamanqindi unamacandelo amaninzi. Lo mbele ungancancisa iimbethimanqindi, abaphathi, abathandi kunye nabalandeli. Eminye yemizekelo yalo mqokozo yile ilandelayo: 1. Ubuqeqeshi, 2. abathelekisi, abusasazi, ukwenza iimpahla zamanqindi, ukuzithengisa nokuba ngamlawuli. Nangona umdlalo wethu ungumdlalo ofuna umntu azinikele, lo into yenza kube nzima kwabaninzi ukufunda ukuze kucwangciseke ikamva labo ngendlela. Into yokungakwazi ukucwangcisa nokufunda kuzibethile iimbethimanqindi ezininzi ezazidumile. Ziphile nzima emva kokuba zibeke phantsi emanqindini, kwabanzima nokungcwatywa kwezinye.

Ubukhulu becala emanqindini, imbethimanqindi irhola xa inomlo kwaye ofumileyo iba ngumlo onentshinga yelizwe okanye eyehlabathi oza kanye kwisithuba seenyanga ezintathu ukuya kwezintandathu. Iba lithamsanqa xa ithe yathandwa ziinkampani ezithile zayixhasa, ziyinike isonka esibonakalayo qho ngenyanga. Asisoze simfimfithe kulo mbele ubhonxileyo wamanqindi ukuba asifuthwanga ngezakhono

Ezifanelekileyo. Ngamanye amazwi, sifundiswe kumaziko emfundo aphakamileyo. Ndiyazi kunzima ukufunda xa uyimbethimanqindi ngenxa yokuba usoloko usendleleni usilwa kumazwe ngamazwe. Kodwa kufuneka kubekho iscwangciso ukuze singafiphali. Abaphathi beembethimanqindi banoxanduva lokuqiniseka ukuba imbethimanqindi iyaxhaswa kwangethuba kwicala lemfundo kumaziko afanelekileyo kwaye basoloko bephose iliso kwinkqubela yembethimanqindi.

Xa ilungiselela umlo okude nelo ziko ifunda kulo, bahlale phantsi nenqununu kwenziwe isisombululo sokuba ingashiyeki ezifundweni. Oku kungenzeka xa kukho ubuhlobo obuliqima phakathi kwamaziko nabaphathi beembethimanqindi. Ndiyazi ukuba eyona njongo edibanisa imbethimanqindi nabaphathi kukukhwela eqongeni kodwa ukuyikhathalela kweli candelo kungancedisa kakhulu ukuze kuphucuke umlo nendlela ephila ngayo. Xa sijonga kushishino lwamanqindi, uninzi lwezinto endizikhankanyileyo zidinga ukuba ubani abe uyile esikolweni. Umzekelo ocacileyo ngokaGqirha Loyiso Mtya, owayesakuba yimbethimanqindi – kodwa owazixhobisayo ngemfundo. Kaloku uMqadi omkhulu ukhe warhabula ngamandla kwanoKholeji. Ingxam yomxholo wam kukuba masenze imfundo ibe siseko seembethimanqindi zethu ziselula ukuze zikwazi ukuncanca kugxothwe ikati eziko.

Phambili ngokufunda kwembethi manqindi Phambili!!!!!!