Ingaba iANC iza notshintsho?

Kule veki iphelileyo sibhalile ukuba iANC iza kuphemelela nakanjani kolu ulonyulo sisuka kulo.
Akho nto yothusayo ke apho. Abadanileyo yile mibutho iphikisayo efana neeEFF (nangona bekhulile), DA, UDM, COPE neATM. Mininzi ke neminye.
Ukuba uvotile ndiqinisekile nawe uzibonele ubuninzi bale mibutho. Umbuzo: ingaba uMzantsi Afrika uyayidinga yonke le mibuthi ingaka?
Bekungenokuba ngcono ukuba kungakho nje imibutho emibini kwiphepha lokuvota? Ingaze yenzeke lo nto kweli?
Xeshikweni sincokola nabantu ebebefolele ukuvota izwi belilinye, “sifuna utshintsho!” Lo nto inoba ilahlekise eminye imibutho yaze yacinga ukuba inoba utshintsho iyakuba kukulahla iANC.
Kanti akunjalo; abantu basalindele utshintsho kwakule ANC inye. Nokuba abathile kwiANC bangayiphika kangakanani, kodwa okusalayo ubukho bukaMongameli Cyril Ramaphosa buncedile. Bonyuse amathemba.
Phambi kolonyulo ibibethwa nyani iANC zezi komishoni ngeekomishoni ziqhubayo; bekuvela amanyudululu ezizirhovu zisiphetheyo. Ingaba ke zingaze zitshintshe? Umntu omdala uyakwazi ukutshintshwa?
Asazi nathi. Kodwa ingathi uninzi lwabo bavotele iANC babeke ithemba labo kutshintsho.
Nalapha eMpuma Koloni silindele inkulumbuso entsha. Into ithi iza kuba nguOscar Mabuyane. UMabuyane ke ngumntu apha othetha le nto ufuna ukuyiva; ucofa onke la maqhosha afanelekileyo xa ethetha ngezoqoqosho lweMpuma Koloni nokuqesha abantu abatsha kurhulumente wephondo.
Ulutsha lubalekela koomaRhawuti nooKapa, bekhangela amadlelo aluhlaza, beshiya iphondo eli leengqangqwili zoMzantsi Afrika. Ingaba uMabuyane angayinqanda lo nto? Abantu bakhelela izindlu, abantu bakhalela amanzi, bakhalela umbane, bakhalela iindlela ezimbi, ininzi nje into. Sakukhe sibone ukuba uMabuyane uza kuqala ngeyiphi.
Kodwa kuyo yonke lo nto ngas’ke iminqweno yesininzi seli ifezekiswe. Noko lide eli xesha; ubomi obubhetele mabude bufikeleleke.