Ingxakangxaka kumaziko emfundo!

Zithe zakuvakala iindaba
ziphuma kumajelo osasazo zisithi abafundi abangakhange babhalise kwangethuba
ukuze bafumane indawo yokufunda kumaziko emfundo enomsila bagxalathelene,
banyathelene bade bonzakalisana, kangangokuba abaninzi kubo sele belele
ngandletyana-nye esibhedlele, siye asothuka singabanye kuba kaloku oku kwenzeka
minyaka le! Esi sehlo senzeke kwikholeji yaseLimpopo nebizwa ngokuba
yiCapricorn TVET College. Iziphatha-mandla zale kholeji zithe zakuxakwa
kukulawula loo manani abafundi abebesenza ingxakangxaka yengxuba-kaxaka kwelo
ziko, baphela becela abo banegunya lokubhalisa ukuba baye kusebenzela kwibala
lemidlalo nelaziwa ngePeter Mokaba Stadium.

Nalapha kwiphondo leMpuma
Kapa, kwikholeji eseStruandale eBhayi, ibikwangumdudo woononkala, amagosa elo
ziko exakene nokwanda kwamanani abafundi abebeze kucela ukubhalisa ukuze
bamkelwe njengabafundi kwelo ziko. Ngangendlela abebe baninzi ngayo abo bafundi
baye bavala nendlela kwanzima ukuhamba kwizithuthi ezisebenzisa loo mgaqo
iStruanway ukufuphi naloo kholeji. Kude kwanyanzeleka nokuba kungenelele
amagosa omthetho ukuze loo meko ibe nokulawuleka. Kuwo omabini la maziko,
nakumanye amaninzi endingawakhankanyanga, kufumaniseke ukuba abafundi abaninzi
abasagoduki, koko baxolela ukulala kumasango aloo maziko ukuze babe nokuba
phambili kwimigca eya kwii-ofisi needesika ekubhaliselwa kuzo.

Bambi ke kwaba bafundi baphela
beyoba, bequleka, bambi kubo bade bafe isiqaqa ngenxa yokukhotheka lunxano
nokubethwa linxele likaKhethsekile. Kaloku aba bantwana bahlala kuloo migca bengenamanzi
nakutya, lugqugqise xa kulapho ke ngoku unxano nendlala. Bambi kwaba bafundi
kuthi kwakuvulwa amasango aya kwii-ofisi zokubhalisela, kugxalathelwane
kunyathelwane kangangokuba maxa wambi bonzakalisane bade babulalane. Unobangela
woku ke kukuba bonke aba bafundi benza le nto, basilele ekubhaliseleni ukufunda
kwangethuba. Kunyaka wonke ka-2017 aba bafundi bebesenza ibakala le-12, baye ababi
nalo ithuba okanye ixesha lokuzidina ngokufaka izicelo kumaziko emfundo
enomsila kuselithuba.

Amaziko afana neeyunivesithi
kwanezinye iiTVET Colleges, ziyibeke yacaca ukuba akukho mfundi ungakhange
agcwalise iifomu zokufunda kwi-intanethi oza kukwamkelwa nozakuvunyelwa aye
kumasango alo maziko ngeenjongo zokuya kubhalisa. Iinjongo zala maziko
ekuvumeleni abafundi ukuba babhalise kwi-intanethi, kukuzama ukunqanda oku
kugxalathelana kukhokelela kwingxakangxaka xa kuqala unyaka wemfundo kumaziko
emfundo enomsila. Ewe sikho isikhalo esithi abafundi basezilalini abakhange bafikelele
lula kwiindawo ezine-intanethi ukuze benze izicelo zokufunda. Ngumba ke lo
omele kukuqwalaselwa ngawo onke amaziko emfundo enomsila, ukuze abafundi
abasuka emaphandleni nasezilalini bangabekelwa bucala kwinkqubo yobhaliso.
Okunye okunokunceda kukuba ootitshala bezifundo zezakhono zobomi (Life
Orientation), bazame ukuba ngexesha lokwenziwa kwezicelo zemfundo enomsila,
bacele iSebe lezeMfundo likhuphe iibhasi eziza kulanda abafundi ezikolweni,
basiwe kumathala eencwadi akufuphi nanezixokelelwano ezine-intanethi, ukuze
abafundi bawasebenzise ekwenzeni izicelo zabo zokufunda. Nezixhobo ezaziwa
ngee-mobile libraries nazo zingaya kufikelela ezikolweni zisetyenziswe kweli
phulo lokufakwa kwezicelo zokufunda.

Kwabo bafundi basuka
ezilokishini nasezidolophini, elam lithi ingxaki ikubo kwaye necekwa lilele
kubo. Inkoliso yezikolo zasezilokishini nasezidolophini zinazo izixhobo
ezine-intanethi. Ezilokishini nasezidolophini zikho neendawo ekungenwa kuzo
ukuze umntu asebenzise i-intanethi nezibizwa ngee-Internet Cafes. Kukwezi ndawo
ke apho abafundi banokufaka kuzo izicelo zokufunda ukuze bayeke oku
kugxalathelana kumaziko emfundo enomsila rhoqo ekuqaleni konyaka. Eyona nto
indiphatha emanyeni kukuba xa ndisiya kwezi ndawo zine-intanethi, ndifika
abantwana bethu bebaninzi kuzo, bengena kuFacebook, kuTwitter nakuYoutube,
kungenjalo berekhoda okanye befunxa iindidi ngeendidi zeengoma nomculo,
endaweni yokusebenzisa ezi ndawo ekuphandeni ulwazi nasekufakeni izicelo
zokwamkelwa kumaziko emfundo enomsila.

Okunye okubuhlungu kweyam
intliziyo kukuba xa kuthethwa ngabafundi abangabhalisanga kwangethuba, abafundi
abafa yindlala, unxano, ukutyhalana nokunyathelana kumasango amaziko emfundo
enomsila, kusoloko ingabafundi abantsundu. Oku kuthetha ukuba siluluntu sivula
zibhuqe sibayeke abantwana benze unothanda endaweni yokuba bachithe ixesha
besenza okwakhayo. Oku kukwathetha nokuba abantwana bethu banako ukungakhathali
ncam ngekamva labo. Ndiyaphinda, ngela xesha lesa sifundo seLife Orientation, ukuba
ikho indlela, makubekelwe bucala iyure enye rhoqo ngeveki, phakathi kwenyanga
kaTshazimpuzi neyeKhala, kuvunyelwe abafundi ukuba benze izicelo zokufunda
kumaziko emfundo enomsila ezikolweni abafunda kuzo, okanye basiwe kwiindawo
ezine-intanethi. Khanivuke emaqandeni bantwana bakowethu!