Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Usisi wam uphuphe umfana wasekhaya esendaweni emnyama, enomoya, ephashishile, ezama ukusondela kusisi wam kodwa usisi wabe ehlehlela.

IMPENDULO: Umfana wakowenu lowo udinga uncedo ngokukhawuleza kuba akukuhlanga oko kuchazwa liphupha elo. Usenokuzibona ekwimeko embi kakhulu.

IPHUPHA: Ukuphupha ugula unamahlaba, athi ugqirha emaphupheni unentliziyo, aze akubhale encwadini kuba eza kunceda. Ithetha ukuthini lo nto?

IMPENDULO: Oko ayikokugula ngokwempilo enkenenkene nanjengoko kuvela ephupheni, koko yindlela yokuzama ukubonisa isiqalo esitsha sobomi ngokohlobo lokwamkela ukugula kwesintu, le nto kuthiwa yintwaso ngamanye amagama.

IPHUPHA: Camagu Tata. Ndingumtu ophupha alibale, ukuba ndilikhumbule iphupha, soloko ndisitya kulo, andazi nokuba ilungile na le nto. Xa ndifunda ndithi ndizokugqiba kubekho isiphazamiso, nomsebenzi andiwufumani. Ndicela ukukhanyiselwa.

IMPENDULO: Ezo ngxaki zibangelwa kanye liphupha elo lakho, khumbula ukuphupha usitya asinto intle leyo kwaphela kuba kaloku izinto ezimdaka zingena ngolo hlobo emntwini.

IPHUPHA: Molo Bawo. Ndicela ukubuza. Ndisoloko ndiphupha iimela ingathi ndiyahlatywa, ndisinde cebeshu!

IMPENDULO: Iphupha elinje lingathetha izinto ezimbini, ngelinye ixesha likubonisa ngotshaba olusondeleyo kuwe oluza konzakalisa. Ukanti naxa wena kudala usenza izithembiso ngomsebenzi othile onokuhlaba inkomo okanye ibhokhwe ungade uwenze, iphupha elinje liza njengesilumkiso kuwe kwaye ukungalinaki kwakho kuza kuphathela iimbandezelo.

IPHUPHA: Ndicela ukucaciselwa ngephupho endiliphuphileyo. Ndiphupha kwamzala wam kugcwele oosineke (snail) benamaqokobhe amakhulu, ingathi baphumela nalapha kule yam indlu. Kubekho umntu othi mandigalele ityuwa kodwa kuye abapheli.

IMPENDULO: Camagu. Yenza imisebenzi yakowenu. Iphupha elo libonisa ukungaxoli ngendlela owenza ngayo okanye enenza ngayo nilikhaya.

IPHUPHA: Nali iphupha likasisi wam, ndicela undihlaziyele. Uphupha mna ndihleli phakathi koosisi bam ababini esebasweleka, bexoxa nam besithi bafuna ukuya ekhaya ngalo Disemba.

IMPENDULO: Camagu. Oodade wenu bafuna ukuza ekhaya koko ikho into ebavalayo. Kungenzeka ukuba oko balishiyayo eli zange benzelwe umsebenzi ngohlobo lwesikhumbuzo sabo, ngoku ke bayakhalaza. Ukhumbule ukuba kwisintu sethu sikholelwa ekubeni abantu abangasekhoyo balulutho kuthi.

IPHUPHA: Camagu! Ndiphuphe ngathi ndihamba nomntu, ngathi sihamba phezu kwamatye, kukho udlwabhiya ngathi ndiyatsiba, vele nditshone, ndivele ndiyokuvasa empompeni.

IMPENDULO: Ewe kaloku lowo ngumfuziselo wokuba wena kufuneka uhlanjululwe, kuyacaca ukuba zininzi izinto ezikuthe mbe nezimisa impumelelo ebomini bakho. Hamba ke uzame uncedo ukuze uzokususa elo shwangusha.

IPHUPHA: Bhota tata. Ndingumntwana wentombi ekhaya. Isiduko ndinguMaJola. Ndinamaphupha endiwaphuphayo nto nje xa ndiwabalisa ekhaya basuke bathi mandigxile ezincwadini ndiyeke ukuzihlupha. Elokuqala, ndiphuphe ingathi amanzi olwandle asondele kule ndawo ndihlala kuyo kwaye athe gabhu kule festile yam. Ndivuke ndiyivale le festile kuba ndingafuni angene, kodwa isimanga andiyithukanga le nto. Ndithe xa ndikhulula ndizoziphosa kula manzi ngefestile abhekela kude, kwanyanzeleka ndiyokuphuma kwigeyithi engentla. Apha eluhambeni ndidibana nomfana ekucacayo ukuba kudala endihlupha ngondifuna ndimbhebhethe, abe endinqanda ukuba mandingayi kula manzi. Ndithe xa ndizokufika landila izulu kodwa andajika ndaya kuwo. Isimanga qho ndizofika olu lwandle luyabhekela, xa ndifika ndibona abafana abayi-15 begobise iintloko oku kwabantu abanika isidima emntwini otshone elwandle. Ndithe xa ndizokubabuza ukuba kwenzekani ndothuka. Isimanga ke ngoku ngale mini ndivuke ndiphuphile ndiye esikolweni eNMU ndafumana ucingo oluthi kule residence ndihlala kuyo kugqabhuke imibhobho ekhitshini, amanzi angena kule room yam nezinye ezimbini ezisecaleni kwale yam. Xa ndifika nyani amanzi athe gabhu nathi singakwazi ukuwakhupha sancedwa ngumatshini wokutsala amanzi ngokuba emaninzi kakhulu. Elesibini, ndiphupha ndihleli nemfene kwaye ndingayoyiki kucaca ukuba ndiyiqhelile le mfene. Kuthi kusenjalo, ndizibone ndihlamba ulusu nezibindi zenkomo ezingaphekwanga, kwaye lo msebenzi ndiwenzayo uye undingcolisa kuba ndithi xa ndivula itepu amanzi achitheke, ndibe manzi nam.

IMPENDULO: Camagu. Ndicinga ukuba xa abantu bakowenu besithi sukuwanaka la maphupha abakuncedisi kuba kokona eza kuvela ngamandla. Kuyacaca ukuba wena uphethwe yintwaso kwaye kuza kufuneka ukuba abantu bakowenu bakuhlanganise negqirha elizokwazi ukukunceda kuloo meko ukuze amaphupha afana nala angakukhathazi kwakhona.

UMphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp: 063 743 9538