Umhla weshumi elinethoba kule nyanga lusuku lokunika imbeko nokuqwalasela inkululeko yamajelo eendaba eMzantsi Afrika. Oku kusukela kwimikhuba nemikhwa yexesha lorhulumente wobandlululo owayecinezela ngamandla amalungelo wamajelo eendaba.
Xa kuthethwa ngenkululeko yeendaba kuxelwa amagunya okanye amathuba okuba amajelo weendaba okanye iintatheli zikwazi ukwenza umsebenzi ngaphandle kweengxaki.
Izinto ezithintela ezi ntatheli ukuba zenze umsebenzi wazo ngenkululeko iba yimithetho karhulumente, ugonyamelo nokuhlala besoyikiswa ngabasemagunyeni.
Zingaphezulu kwekhulu iintatheli ezibhubhe kwimfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe lakwaSirayeli nelizwe lasePalestina.
Oku kwenzeka nangona ezi ntatheli zinxiba impahla ebonisa ukuba baziintatheli. Maxa wambi ezi ntatheli azamkelwa ukuba zincokole namacala omabini xa kukho imeko efunisa oko. EMzantsi Afrika usafumana iinkokheli zopolitiko ezinyanzelisa ukuba zoyikwe logama zisenza izinto ezigwenxa.
Ezinye iintatheli zisasebenzela ukuba zamkelwe ngamagosa karhulumente ukuze zikwazi ukufumana ulwazi, okanye ukuzicengezelela kwabaphetheyo. Oku konke kuthetha ukuba inkululeko yamajelo eendaba ngenene iseyintsomi ekude ukufumaneka kweli nakwihlabathi.
Inkululeko yamajelo eendaba ihambisana ncakasana neelwimi abantu abazisebenzisayo kumazwe abo. Ngoko ke asinako ukuthi ikho inkululeko yamajelo eendaba kwihlabathi nakweli loMzantsi Afrika, ngoko ke kumele ukuba kwenziwe nangaphezulu ukukhulula nokunika oonondaba namajelo eendaba inkululeko.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket