Intombi nokuba yinkwenkwe

Inyanga yoMnga yeyokunqanda nokulwa ukuxhatshazwa
kwamabhinqa ngamadoda. Akwakhona ke namadoda axhatshazwa ngamabhinqa, kutsho
kuthethwe ngokuxhaphazana kwamaqabane. Inene ziyafika izinto nokufika kwemihla,
imikhuba  namacebo okuyihlambulula!

Nangona sele kuvunyiwe ukuba namadoda
ayaxhatshazwa  ngamabhinqa, kodwa
emilonyeni yezithethi kuphuma izinto ezingokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda.
Amaphulo enziwayo asingiswe ekuhewuleni amadoda, namadoda ngokwawo ahewulana
kwaodwa! Inene ungakuzama ukuyiguqula indalo kodwa yona ihlala injalo. Into
ebanga kusoloko kunqandwa amadoda kukuba kusendalweni ukuba indoda ibe
nobunganga ebhinqeni, abantu balawulwa yindalo ke.

Ininzi nendida koonozakuzaku bale micimbi. Bathelekisa
umntwana oyintombi noyinkwenkwe, bathi kukho obaluleke nolunge ukodlula omnye
kubo. Ininzi into ethi umzali okhaliswa kukungabi namntwana uyindodana
lucalucalulo. Bathi eso sikhalo sithetha ukuba oyena mntwana ubalulekileyo
emzini ngoyindodana. Bubuhiba ke leyo ngqiqo! Akukho nto injalo, ukuba ikhona
bubuhiba kwanayo leyo.

Abachili bokuxhatshazwa kwamabhinqa ngamadoda
bathi kwaukukhuliswa ngendlela eyahlukileyo komntwana oyintombi ikwalolunye
ucalucalulo olungalunganga. Bahambisana nala mpi izakuzela ukuba umntu
azikhethele isini afuna ukuphila sona, kungathiwa oyinkwenkwe akanakuyenza into
ethile. Inkwenkwe ithengelwe oonodoli. Kwekhu!

Kuthi Bantu, umntwana oyintombi ubaluleke
ngokulinganayo noyinkwenkwe, akukho kuthiwa ubaluleke ukodlula omnye kubo. Sinamacebo
okubulungiselela ubomi nkalwana zonke ngokusingise kwisini sabantwana.
Akunakuba uzele iintombi zodwa okanye amakhwenkwe odwa, ubomi buqhuba
ngokwesiqhelo eBantwini.

Kuthi Bantu, ukwahlula indlela yokukhulisa
umntwana oyinkwenkwe koyintombi ayinanto yakwenza nokubaluleka nokungabaluleki
kwesini somntwana. Thina umntu wonke siyamphicotha eyona nto imfaneleyo ze
simlungiselele njengoko kumele ngokwasendalweni. Into esibhidayo zizinto
ezenziwa ngabantu nezichaseneyo neNdalo, nto ezo singangeni ndawo thina kuzo,
abaninizo mabaziqhubele ngaphandle kwethu.

Sisithuko eBantwini ukuthi yingcinezelo ukugcina
umntwana oyintombi phakathi kwamasango nokusoloko ebekwe esweni, ngeli xa yena
oyinkwenkwe eyekwa ayabule apho athanda khona. Bubuxoki ke nokuthi oyinkwenkwe
simyeka ayabule apho athanda khona, asinasiko liyabulisa mntwana esithubeni
kwiindlela zethu zokukhulisa. Ingqiqo enjalo yahluke kude le kuneyethu,
iphambene. Sinezizathu ezibaluleke kakhulu empilweni yethu nasempilweni
yabantwana ezidala ukuba sibakhulise ngeendlela ezahlukeneyo. 

Ezinye iintswelakuqiqa zithi umzi uyaphela xa
izintombi zodwa emzini. Thina Bantu asinamzi ugqitywa kukuzalwa kweentombi
zodwa. Akukhathaliseki nokuba zithi zende zonke na ezo ntombi, thina Bantu sinamasiko
okulimisa ikokwazo. Ukufundiswa komntwana oyinkwenkwe ukuma umzi, kuba
elungiselelwa ukuthatha ezinyaweni zikayise, akuthethi ukuba kuza kubanjalo
ngenene. Emzini umntu ngamnye unomsebenzi nezinto ezilunge kuye,
ngokwahlukileyo kwabanye. Sibakhulisa kwangolo hlobo ke nabantwana bethu.
Ngamnye simlungiselela umsebenzi wakhe ngokwaseNdalweni kaMdali.

Ziswelikuqondandini; anazi na ukuba ukufundiswa
kwentombi ubuntombi nobufazi (ukuthomba) kukuyifundisa ukumiwa komzi libhinqa?
Ukuba nicinga amaXhosa akazi ukuba uyemiwa umzi libhinqa niphukanekile!
EsiXhoseni umzi uyemiwa libhinqa, kunjalo nje akungoku kwabanjalo.
Asizukuyifundiswa nini ke loo nto ngendlela yenu enxaxhileyo bantundini
bonxaxho!

Kusendalweni yomzali ukuba esizalweni sakhe anqwenele
oyintombi noyinkwenkwe, kuba  leyo
yindalo yokuhlala komntu emhlabeni. Kuhlaliwa ngazibini emhlabeni, oyindoda
noyinkazana. Nasezizalweni zethu asikholani nonxaxho kuleyo ndalo, enokuba lungokukaMdali
na. Sidaliwe ukuba ilizwe sililungiselele ngohlobo lwalo, kusakungabi njalo siyaxhalaba.
Nqwa nomntu oliliswa kukungazali engazi ukuba usindiswa kwisibethiyise
nesibethinina esisesizalweni sakhe. Baninzi abathuthunjiswa zizizalo zabo.
Wamusa ke wena ulilayo! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba