Gqr. Lukhanyo Makhenyane
Isikroba kwiingqimba zamafu
Kule mpelaveki siphuma kuyo ndibe nenyhweba yokuphulaphula uMnumzana Lonwabo Patrick Kulati esithela ntlo ngokuqulathwe yincwadi yakhe ethi A Gap in the Cloud. Le ntetho ichukumise ilithe lam ndathi nam mandizifumanele lo mqulu, ndikhwele kuwo.
Kwintshayelelo uzoba ibali elithe langunozala wesihloko sale ncwadi. Ubalisa ngobusuku awayecanda ngabo amathafa esibhakabhaka esuka eRhawutini esiya ePietermaritzburg. Nakubeni babephume eRhawutini kukho ulwandile esibhakabhakeni, bakhawulelana neengqimba zamafu xa besondela ePietermaritzburg. Ngesiquphe, lagigitheka ngendyondyo izulu, laqhwanyaza kwalenyeza imibane, lenza uwaxa ozingileyo wemvula. Emveni kokuzula esibhakabhakeni ithutyana phezu kwePietermaritzburg, sele kubonakala baza kuya kufumana indawo yokuzinza eThekwini, uvakele umqhubi esithi, sisifumene isikroba phakathi kweengqimba zamafu, siza kukwazi ukuzinza kungekudala.
Lo kaKulati usebenzisa isikweko sengqiqo ukufanisa iingqimba zamafu neenzima neenzwinini esithi sizithongulule kulo mhlaba siphila kuwo. Iimeko zokuntyumpantyumpeka kubutyididi bendlala namakhaya awaphukileyo, ukwaphuka kwemitshato, intswelangqesho, ubundlobongela, ukuxhatshazwa ngokwezesondo nangezinye iindlela, zingabalwa njengezi ngqimba zamafu athetha ngazo. Noxa kunjalo, kuye kuvele ikroba lokubhungca kwezo nzima neenzwinini. Le nyoba ingakukufumana umsebenzi, iqhinga lokungciba ithanda emtshatweni, isisombululo kubundlobongela ekuhlaleni, ukuvalelwa komenzi wobubi, njalo njalo.
UGatyeni akathethi ngondiva xa ethetha ngesikroba kwiingqimba zamafu, kuba ukhe wagagana nazo kobakhe ubomi. Amazwi kagqirha athi, “Mr Kulati, you have cancer”, arhuqa amalengalenga amnyama phezu kubomi bakhe. La mafu amnyama angungelana phezu kwakhe nosapho, aphazamisa ulwandile lokuchopha kwisihlalo sokulawula enye yeenkampani ezinkulu kweli. Uthe esazama ukukhangela umsonto onyikinyiki ovutha luzizi kweso sithokothoko, suka wafumana umnxeba kubaqeshi othi makadende bonke abaqeshwa kule nkampani, angazishiyi naye, avale kwaloo nkampani. Nakubeni ezi yayizingqimba zamafu kubomi bukaGatyeni, ukwaphuka kwempilo ngumhlaza okwiqondo lesithathu ukuya kwesine nokudendwa emsebenzini, ukuba abe eli bali ulibalisa ngokwakhe emva kweminyaka eli11, ithi loo nto wasifumana isikroba sokubhungca phakathi kwezo ngqimba zamafu zazingungelene phezu kubomi bakhe.
Ukuva eli bali, elitsala kweyeNkanga yowama2011, kuvumbulule eyam inkumbulo yokuba phantsi kweengqimba zamafu kweyoMsintsi yowama2011. Ngeli lixa abantu babekhahlela ukugaleleka kwentlakohlaza, mna ndandigutyungelwe lilifu elimnyama lokungena esibhedlele ngenxa yesifo sephepha esingunkanikunyangeka (XDR-TB), uchopha emnxebeni axhaphe axele ixhwili wesifo. Ukuthi kubusuku bokuqala kutshabe oogxa bam abane, kwatsho ngezandi ezikhulu ukuba nam ndiza kuhamba loo ndlela. Ukuba ndibe nam ndilibalisa ngokwam eli bali, ithi loo nto nam ndasifumana isikroba kwezo ngqimba zamafu, ndatyhoboza kuzo ukuya kungcamla uzinzo nolwandile emva kwesitshingitshane sokugula nokulahlekelwa ngumsebenzi.
Kungenzeka nawe undanda kumathafa esibhakabhaka esisongene ziingqimba zamafu eenzima neenzwinini zobomi, izulu ligigitheka iindundumo zemingeni yobomi ngendyondyo, liqhwanyaza imibane, lenza nowaxa wemvula yeengxaki neenkohla zobomi, okanye ulindwe zizo; noxa kunjalo, siza kuvela isikroba phakathi kweengqimba zamafu. Sukunikezela!
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10