Xa ukhangela ubudala bamadoda agrumba imigodi ngokungekho mthethweni kweli loMzantsi Afrika, ungatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ngenene indlala ngunobangela wako konke oku.
La madoda azalwe ngamaxesha ashiyana kakhulu, okubonisa ukuba oyena nobangela wokuzama zama yindlala kumakhaya abo.
Kumele ukuba ngenene iinkokheli zamazwe aseAfrika zineentloni ngenxa yoku, kuba kubonakalisa ukusilela kwazo ukudala amathuba emisebenzi ukuze abantu basebenze.
Nokuba ngubani oyena uthatha ezi zimbiwa, kodwa kukonke kubonisa izinga leendlala kubantu abamnyama.
Amadoda angaphezulu kwekhulu atshona emathunjini omhlaba engazazi nokuba angabuya okanye awanakubuya, kuthetha ukuba bayasokola abantu abamnyama.
Iingxelo zokuba kukho iqela elixhobileyo ngaphantsi komhlaba kumgodi ngamnye kuxela ukuba aba ngabantu abaphuma kuqeqesho olulodwa.
KuseAfrika kuphela apho usafumana abantwana ekuthiwa balala bengatyanga okanye baya esikolweni bengatyanga.
Oku kwenzeka nangona iinkokheli zopolitiko zityeba ngokungxamisekileyo yonke imihla zishiya abantu ngasemva bebulawa yindlala.
Awanalo ityala la madoda, analo ke kuba enza into engekho mthethweni, kodwa ukuzama imali yokutya ngenxa yendlala ebangwa bubu athalala beenkokheli kungathwani.
Iinkokheli zopolitiko zaseAfrika ziphambili ukuba ngabanikazi bemigodi yezi zimbiwa, ngala madoda – okanye ezi nkokheli ezinikisa ngemigodi okanye izimbiwa kootshomi bazo behlabathi.
Imigodi enabanikazi bawo abangabantu abamnyama yasithoba isidima soqoqosho, esabasebenzi, nengeniso ngokunjalo. Aba ngabantu abadendwe emisebenzini ebebesebenza kuyo emigodini kumazwe aseAfrika.
Ukudendwa kwabo kunefuthe leenkokheli zopolitiko ezenza imikhuba ebangela ukuba ivalwe le migodi kuba beba yonke into.
IAfrika lelinye lamazwekazi ahamba phambili ngokuvelisa izimbiwa ezahlukeneyo, kodwa azibancedi abantu baseAfrika.
Ukuvalwa kwale migodi nokubanjwa kwala madoda sisombululo sexeshana, isisombululo sexesha elide kukudalwa kwamathuba emisebenzi kumazwe aseAfrika.
Kukubuyiselwa kobutyebi ezandleni zabantu baseAfrika, iinkokheli ezifana noCyril Ramaphosa ziyeke ukuba ngabanikazi bezinto zonke ezenza imali.
Umbuzo ke ngowokuba, aba bantu bazifumana phi izixhobo zokwenza lo msebenzi unje phantsi komhlaba? Konke oku kubonisa ukuba ngenene sililizwe elisengxakini okanye sinokuba sengxakini nanini na.
Makudalwe amathuba emisebenzi emigodini nakwezinye izintlu zoqoqosho ukuze abantu bakwazi ukuziphilisa ngengqesho nangezinye iindlela.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman