Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi

Umtshakazi enxibe amadakhi ehleli phezu kwekhukhu. Umfanekiso: Facebook

Ukuyalwa kulapho umtshakazi okanye umakoti athi axelelwe ngezithethe okanye imiqathango yekhaya lakhe elitsha ngabafazi bosapho lwakhe olutsha.

Kuxa umtshakazi ecetyiswa ngendlela amakaziphathe ngayo noko kulindeleke kuye njengelungu elitsha losapho. Le nkqubo ayiqhutywa nje ngabafazi bosapho kuphela kodwa nabanye abafazi abanobulumko obuthenjwe lusapho nabo bathatha inxaxheba.

Amakhaya okanye iintsapho ezahlukeneyo zikwenza oku (ukuyalwa komtshakazi) ngokwahlukileyo. Izinto zitshintshile yaye ixesha lale mihla liye layiphembelela indlela abantu abazenza ngayo izinto.

I’solezwe lesiXhosa linike ithuba abafundi beli phepha, ekubeni baphefumle kwikhasi likaFacebook ngokuyalwa komtshakazi. Sibuze ukuba ingaba uyakwazi umntu ongatshatanga okanye ongazange wenda, nokuba umdala kangakanani, ukuyala umakoti? Nazi izimvo zabo:

Afikile Sipungela: “Wakhe wathi omnye umama ozikhulisela abakhe abantwana engendanga, ‘Xa ufunda incwadi awuthi ukuze uzuze imfundiso namava ebali makunyanzeleke ubesebalini.’ Mna xa udadewethu engendanga efuna ukuyala umtshakazi wonyana wakhe andisoze ndime phambi kwakhe, ingakumbi kule mihla yokukhululeka umntu esenza into yakhe ngexesha lakhe enelungelo futhi. Njengoba ndisitsho, la mama uyaziyalela kwaye bobathathu bonke abatshakazi bakhe bahleli, bafundile, kwaye baphumelele nemizi yoonyana bakhe.”

Anez: “Kaloku noba ungangumama omdala kangakanani na, ukuba zange wenda okanye watshata, awukwazi ukuyala umakoti. Uza kumyala athini engazange ayalwe yena kuqala?”

Ntombizanele Sonqayi: “Lo mama ungendanga umkhulisile lo mntwana uthatha inkosikazi ngoku, ithi ke loo nto umazi ukusuka nokuhlala. Ngoku uvalelwa ngaphandle angayali umakoti wonyana wakhe? Yho Nkosi yam akunzima, njengokuba abanye abendileyo besogqithwa ngabagendanga ngokukwazi ukuziphatha.”

Mzukisi Mkhupha: “Uzomyala njani engazange watshata? Kusetyenziswa namava xa kuyalwa, uwathathaphi yena? Iingxaki zomfazi azifani neengxaki zeentombi. Ukuba nithi makayale naye engatshatanga okanye engazange atshate, nizothi namakhwenkwe mawayale amakrwala kengoku.”

Masechaba Nosizwe Simuku: “Ngamanye amaxesha uye ubenawo amava, ngakumbi xa umdala uzibona izinto zisenzeka. Kum, ukuba uthetha izinto ezinengqondo andiboni nto inokumenza angayali. Ifana nomfazi obuye emzini, angayala, akunakuthiwa makathule kuba wabuya ekwendeni.”

Thina Nundu: “Umntu ongendanga nowendileyo ongazange endiswe enzelwe la mtshato wesiXhosa, akavumelekanga ayale, uthathwa njengenkwenkwe.”

Pat Matomela: “Uyakwazi – kukho amadodakazi alomzi angatshatanga kwaye ayazi bhetele kakhulu indlela ekwenziwa ngayo izinto kulo mzi wakowawo. Oomama bayalela ikhaya ngokubanzi, kodwa indlela yokwenziwa kwezinto emzini lo endela kuwo yaziwa nguninazala namadodakazi bona bahlala kuwo imini nobusuku.”

Nazo ke izimvo zabafundi, zithini ezakho?

Silandele kumakhasi onxibelelwano: Facebook (Ilisolezwe), Twitter (@ilisolezwe), TikTok (@ilisolezwe) kunye nakuWhatsApp (Channel: I’solezwe lesiXhosa / sibhalele ku-066 528 5638).