Kokwani na oku kugqoloda

Ndibuye ndakho mzi kaXhosa apha enkundleni. “Intombi kaNantsi
ibuphila ngokupheleleyo ubom.i” Yintetho evamileyo le kula maxesha ethu, ivela
njengesincomo kubantu abanolu luvo. Uthi ke mna mntu ubukeleyo esakuva
kuthethwa olu hlobo, ndinganyali, ndigqale obu bomi bube bunconywa buphilwa
ngokupheleleyo. Izinto esizenzayo sizenza egameni lokuphila ubomi zihlasimlisa
umzimba. Mandityhole ixesha esiphila kulo ngobubi, oko linokuthimba iintloko
zabantwana bamaAfika. Mandityhole imithetho esilawulayo phantsi kwedemokhrasi
engenamiqathango ethetha ibuye iziphikise. Andithi na kaloku yile mithetho ethi
umntu ngamnye unelungelo lokutshata nabani na akholwayo nguye. Ke ikwayile
mithetho ethi, unelungelo lokuphila nangaluphi na uhlobo olukhola yena. Kuye
kongezelelwe kule ndawo ngamazwi athi, ukuba nje loo nto ayiphazamisani nabanye
abantu. Ucinga ukuba bangaphi abawulandelayo loo mgca ulandelisiweyo? Kahle,
namhlanje ndiza kuni ndishukuxa okuqhubeka phaya kumdlalo kamabonakude,
uScandal. Umlinganiswa onguYvonne uzibona ephuma emtshatweni ebewulangazelela
ixesha elide. Ukungakwazi ukuziphatha njengomendi nokubanenkululeko engaphaya
kokuqonda kuye kwamhlaziya wazibona eyintombazana kunokuvuselela ubudala. Kuthi
bekufanele ukuba ungumfazi suka yanga kukhona ayintombi yabafana. Kazi kokwani
na oku kugqoloda? Kuninzi okusilahlekelayo ngenxa yokukhokelisa oonobenani.
Tsi-ii, kunzima kweli xesha inene! Yile mitshato itshintshwe lixesha ke le,
apho ilungelo ngokomthetho wedemokhrasi likhokeliswa phambili. Ke kaloku
ukugcina inkcubeko nesithethe asinto ibonwa njengesangqinelana nexesha esikulo.
UYvonne uzotywe wangumlinganiswa osinika izizathu zokuqhawuka kweminye
yemitshato kweli xesha lethu. Mhlawumbi xa umfazi weli xesha engasanxibi
zilokhwe zinde, engasathwali qhiya, engaceli mvume yakwenza nakuphi na
okungumnqweno wakhe endodeni yakhe, umntu unokulindela umtshato
oyakubaluqilimba. Kodwa ke ngokwala mlinganiswa unguYvonne akunjalo, ubonakele
ebuphanga ubomi ngokoyikisayo. Ewe, ‘she is living life to the fullest’
ngokwale ntetho intsha xa kubukelwe umntu ezigxugxisa. Kwekhu! Kusakubanje
ndiyakhonyuluka ngenxa yokutsarhwa yile meko. Kona inkcubeko yethu yatshintsha.
Nathi ke sayivumela yaguquka yanje kuba sisithi sinikana inkululeko
yokuziphilela komntu. Izithethe zethu sazibekela bucala kuba sifuna
ukungaqhobosheki. Asinto kambe into yokubopheleleka ndaweni-nye okwenkonyana
elisesisingeni. Ukungakwazi ukucinga ngokuphangaleleyo kudala umzila oya cala
nye, umntu ulandela elo cala abona kusiyiwa kulo ngabantu. Ke koku akukho obuzayo
ukuba kungani na kungayiwa kweliya icala. Okanye kubekho umbuzo othi bekuthe ze
kuyiwe kweli cala kwabe bekutheni na. Mandixhokonxe umbuzo ndenjenje; Isidima
somendi nomendo ngokwaseAfika asikhuselwa zizithethe kusini na? Ukuba ke
kunjalo, siyakubakhona na isidima emendweni apho isithethe sityeshelweyo?
Makube iingqondo zethu zigqwethekile xa singazi kuyazi into yokuba ubomi
sibuphila ngokomlinganiselo kaMdali. Akakho ofanele ukuzigwagwisa esithi yena
uphila ubomi ngokupheleleyo. Uyakutsho ke kambe egxeleshe ukuzigxugxisa
engaqondi. UScandal ngumdlalo ophefumla ubomi bomntu. Ndimkile!

Owenu kusiba noncwadi lwesiXhosa.


///////

CAPTION: UKgomotso Christopher odlala uYvonne kuScandal      Umfanekiso: Kumnatha